Utshaziintambo uKhune ofuna indawo yakhe kwiChiefs!

Oonozinti beKaizer Cheifs: uBruce Bvuma, uDaniel Akpeyi, u-Itumeleng Khune noBrandon Petersen belungiselela umdlalo weCarling Black Label. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackapagePix

Ukonzakala kukaBrandon Petersen kunokwenzeka kunike u-Itumeleng Khune ithuba lokudlalela iKaizer Chiefs emva kwexesha elide kakhulu engasadlali. Wagqibela ukudlalela iChiefs emdlalweni weMTN8 kwinyanga yeThupha kunyala ophelileyo. Ukonzakala kukaPetersen kudizwe ngumqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, othe akambizelanga kwiqela lesizwe kuba umqeqeshi weChiefs emxelele ukuba wonzakele. UPetersen ngunozinti osetyenziswa nguStuart Baxter ukusukela oko kuthe kwabuyelwa emidlalweni yeDStv Premiership ngamaqela emva kwe-Afcon kulo nyaka. Isizathu esibangele angabuyeli kuDaniel Akpeyi kukuba wagqibela kudala ukudlala noxa ebehambe neNigeria ebidlale kwi-Afcon ebibanjelwe eCameroon.

Akakadlaliswa uKhune nangona engoyena mdlali obegqwesile kwiDStv Compact Cup edlalwe ekuqaleni konyaka ngamaqela amane. Umbuzo: Ingaba uBaxter uza kumnika ithuba lokudlala na uKhune? Akekho omnye unozinti okulungeleyo ukudlala ngaphezulu kukaKhune owaphulukana nendawo yakhe emva kokonzakala ixesha elide kunyaka ophelileyo. Amakhosi aza kujamelana neGolden Arrows emdlalweni weDStv Premiership oza kube useFNB Stadium ngorhatya ngoMgqibelo. Ethetha ngokonzakala kwakhe kwiKaizer Chiefs TV, uKhune uthe: “Ndonzakele amatyeli aliqela ebomini bam njengomdlalo. Kodwa ukonzakala egxalabeni kukona okundigcine iinyanga zade zalithoba ndingadlali.”

Njengokuba izivumelwano zabadlali abaninzi ziphelelwa lixesha ekupheleni kwesizini, uKhune uzibophelele kwiChiefs kwaye uthi ufuna ukukhunjulwa njengomdlali owenze indima enkulu kwimpumelelo yayo. “Ndiyavuya ngoba ndiphilile ngoku futhi ndizimisele ukunceda iqela. Ndifuna ukushiya umzila obonakalayo kwiChiefs mhla ndayeka ukudlala ibhola. Mna ndifuna ukukhunjulwa njengomdlali owayedlalela iChiefs eyaphumelela iindebe ezibalulekileyo. Sendidlale imidlalo ekumakhulu amathathu anashumi amahlanu (ukusukela ngo-2004), ukuba ndinikwa ithuba kwakhona, ndakulibamba ngezandla zozibini. Ndifuna ukuyeka ndiziva ukuba ndiqongqothile,” utshilo uKhune. Amakhosi asakhuthazekile emva kokuba ebethe iPirates ngo’2-1 kutshanje eFNB Stadium.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Mgqibelo: TS Galaxy vs SuperSport United @Mbombela Stadium, 15:30; Cape Town City vs Marumo Gallants @Cape Town Stadium, 17:30; Kaizer Chiefs vs Golden Arrows @FNB Stadium, 19:30

Cawa: Stellenbosch vs Royal AM @Danie Craven Stadium, 15:30