Utyholwa ngokuba umlo u-Allan Matakane!

Umqeqeshi kaThembelani Nxoshe, intshatsheli yoMzantsi Afrika kwididi lempukane, uSimphiwe Gwengula, akaxolanga yindlela awulawule ngayo umlo
ubuphakathi kwembethi manqindi yakhe noNtlantla Ngamnwtini usompempe u-Allan
Matakane komnye wemilo ebise-Orient Theatre, ebiququzelelwa yiXaba Promotions
and Events. UMnu. Gwengula umgxeke kakhulu usompempe u-Allan Matakane obexhuzula
imikhala kumlo – apho imbethi manqindi yakhe uThembelane Nxoshe iphulukene
nomlo wesibhozo ibethwa nguNtlantla Ngamntwini ngamanqaku kumlo obunemijikelo
elishumi.

“Ebezakuwa uNgamntwini kumjikelo weshumi ukuba ebangakhuselwanga uMatakane.
Andixolanga tu zezi ziphumo zalo mlo.”

UGwengula uthi uyakholwa ukuba ungalula kakhulu umlo phakathi kaNxoshe
noNgamntwini xa enophinda anyathelane ngentupha la matyendyana ekulindeleke
alwele intshinga yoMzantsi Afrika kunyaka ka-2018.

“Simbonile ukuba ungumntu onjani, akanamandla tu. Singambhodloza usaqala
umlo ukuba singaphinda sidlala naye.”

UNxoshe umncomile uNgamntwini emva komlo. “Ndimothulela umnqwazi okla Ngamntwini kodwa
ukuba sizangaphinda silwe ngingakhawuleze ndimthi qwaka qwaka ngoba akanamandla
tu.”

UNtlantla Ngamntwini uthe bekungelulanga ukudlala noNxoshe.
“Ubungalulanga umlo, kodwa
ndingawenza lula kakhulu ukuba singaphinda ngoba akanamandla tu uNxoshe”.

Iziphumo zeminye
imilo: uphulukene nomlo okuqala u-Uyanda “Bib Bear”Nogogo emva kokubethwa
nguMzoxolo Ndayana ngamanqaku emva kwemijikelo esibhozo. Uyikhusele
ngempumelelo intsinga yakhe ye-IBF Intercontinental yeJunior-feather-weight
uLudumo Lamati emva kokubetha u-Alexis Kabore waseBukina Faso ngamanqaku. Naye
uMzuvukile Magwaca uphume etshaya kumlo wakhe no-Immanuel Naidjala waseNamibia
we-IBF Intercontinental wedidi lentambanani. USiphamandla Baleni waseMthatha
uphulukene nentsinga yakhe yoMzantsi Afika yodidi lweNgcongolo emva kokuculiswa
nguXolisa Magusha waseSada.