UTyhuluba usecicini lokufumana iwonga elikhulu

UNamhla Tyhuluba unethuba elihle lokuphumelela iwonga eliphambili emanqindini.

IBoxing South Africa izakusingatha umsitho wokuwonga iimbethi-manqindi namagosa eBoarwalk Casino, eBhayi, ngoLwesihlanu weveki ezayo.

UTyhuluba – osebenza njengosompempe negosa eliphambili emanqindini – ukhuphisana noSylvia Nokaila noPhumeza Zinakile kwiwonga lenenekazi elithe lagqwesa ngo-2017.

Nangona ugqatso lunzima nje – kodwa uTyhuluba uthi akoyiki nto. “Igwala kulo nina, mna andoyiki tu,” utshilo uTyhuluba ngethuba I’solezwe lesiXhosa lincokola naye.

Ukusebenza emanqindini abekade ephethwe ngamadoda odwa ngaphambili yinto enzima – kodwa ngenxa yokuzimisela, uthando lwakhe kulo mdlalo nenkxaso ayifumanayo kwabamngqongileyo, ngoku ukhulile kakhulu uNamhla.

Kwisithuba seminyaka emibini, uTyhuluba sele utyunjwe kabini kumawonga kazwelonke ngenxa yomsebenzi omhle awenzayo.

“Kundichulumancise kakhulu ukutyunjwa kwam. Lo nto iyabonisa ukuba ndiyakwazi ukuwenza umsebenzi wam futhi andimanga – ndiya phambili! Itumente esithe saphatha kuzo imilo ibimbalwa eMpuma Koloni ngo-2017 – kodwa into endithethelelayo mna kukuba umsebenzi wam ndiwenza ngokuzimisela okukhulu. Ndiyaqinisekisa ukuba ndiyababonisa abantu ukuba uNamhla uyayazi into ayaziyo,” utshilo uTyhuluba.

Le ntokazi ezinze eMdantsane inamava ngoku ewafunxe ekusebenzeni nabantu abohlukeneyo emanqindini kule minyaka isibhozo idlulileyo.

Nakubeni ukuchongelwa kumawonga izihlandlo ezibini iyinto ebalulekileyo – kodwa kwangaxeshanye, uNamhla kukho indawo anqwenela ukuzibona ekuyo.

“Ndonelisekile ngumgangatho endikuwo. Ngokusebenzela iWBF ndiyakwazi ngoku nokuthatha inxaxheba kwimidlalo yehlabathi. Ndingavuya ukuba ndingasebenzela iWBF, IBF ne-IBO ngoba lo nto ingandiphakamisa,” utshilo uTyhuluba.

UNamhla ubalisele eli phephandaba okokuba ekuqaleni kwakunzima ukusebenza namadoda emanqindini ngoba ayebajongela phantsi kuba enamava.

Uthe ngenxa yokusebenza ngokuzinikela bengamanenekazi, kwaphela ukujongelwa phantsi kwabo kwaye bayawogqitha ngoku amadoda.