UTyirha uyazisola ngokushiya isitali sikaMatiti

Emva kokuhamba kunyaka ophelileyo, uNhlanhla Tyirha ubuyela kwisitali sika-Ayanda Matiti, iXaba Promotions.

UTyirha wagqibela ukukhwela eqongeni kwekaTshazimpunzi kunyaka ophelileyo kumlo owawutaka iintlantsi phakathi kwakhe noNkosinathi “Mabhere” Joyi.

Kuvakala ukuba ukungavisisani ngemali phakathi kukaTyirha noMatiti ongusihlalo weXaba kwabangela uTyirha azikhangelele omnye umzi.

Kodwa ukunqaba kwemilo kwiLastborn neRumbe Africa Promotions awazimanya nazo kunyaka ophelileyo kuye kwamnyanzela ukuba abuyele kwiXPE.

UTyirha uvakalise ukubuyela kwakhe kwiXaba kuFacebook kutshanje. “Ndicela ukuthatha eli thuba ndibulele abalandeli bam abandithandayo nabasoloko bendixhasa. Ndigqibele ukulwa kwekaTshazimpuzi ndisilwa noMabhere oyintshatsheli yehlabathi. Zange ndiphinde ndilwe. Ndatyikitya isivumelwano neXaba Promotion. Yonke imilo yam ndiyilwe eXaba ndade ndayintshatsheli yoMzantsi Afrika. Kwafika ubhuti Andy esuka kwiRuby wandilahlekisa wathi uza kundenza intshatsheli futhi unamagqwetha angandikhupha kwiXaba. Nam ndavuma ngenxa yolwazi oluncinci,” utshilo uTyirha.

“Ndicela uxolo kwiXaba Promotions, kubalandeli bam nakubo bonke abalandeli bamanqindi. Ndiyayazi ukuba ndinesivumelwano esisemthethweni neXaba kwaye ndizimisele ukusigqibezela ndiphinde ndisivuselele kwakhona xa siphela ndide ndibe yintshatsheli yehlabathi. “Ndizinikela kwiXaba Promotions ngoba lelona qumrhu elihamba phambili nelenza iintshatsheli nembali emanqindini. Ndicela abantu abandinqwenelela impumelelo emanqindini bandixhase ukuze ndikulungele ukukhusela intshinga yam kwinyanga yoKwindla 2020,” utshilo uTyirha.

Ephefumla ngale nyewe, owayesakuba nguManejala kaTyirha uMnu. Andisiwe Mtshotshisa uthethe wenjenje: “Ndiyakukhulula bhuti futhi ndikunqwenelela okuhle kodwa kwikamva lakho.” UTyirha yintshatsheli yoMzantsi Afrika yodidi lweJunior fly. Uphumelele imilo emine kwemihlanu.