UTyson unethemba lokuziphuthuma kakuhle kwiSuperSport United

Umqeqeshi weSuperSport United, uGavin Hunt, esamkela uThulani Hlatshwayo ngokusesikweni kwiveki ephelileyo.

Obekade edlalela iPirates, uThulani “Tyson” Hlatshwayo, uthi ukhethe ukudlalela iSuperSport United ngoba uGavin Hunt uyamazi ukuba ungumntu onjani. UHlatshwayo ukuthethe oku ekuqaleni kweveki emva kokwaziswa kwakhe njengomdlali weSuperSport United osesikweni. Ngumdlali wokuqala otyikitywe nguGavin Hunt obuyele kwiSuperSport United kwiveki ephelileyo. UHunt noHlatshwayo bebekhe basebenza kunye kwiBidvest Wits eyabhangiswayo ngonyaka ka-2020. Le ndedeba eyayikade inguKapteni weqela lesizwe yamkelwe ngezandla ezifudumeleyo nguHunt onikwe uxanduva lokuvuselela Amatsatsantsa a Pitori emva kokungaqhubi kakuhle kwisizini egqithileyo yeDStv Premiership.

“Ukufika kukaTyson yinto entle kakhulu apha kwiSuperSport United ngoba ungumdlali onamava. EbenguKapteni waBafana Bafana, kanti ebenguye nakwiBidvest Wits. Saphumelela iindebe sobabini kuyo kwaye ukulungele ukwenza lo nto kwakhona. Eli lithuba lakhe neqela lokuzuza impumelelo,” utshilo uGavin Hunt obekhe waqeqesha iChippa United kwisizini egqithileyo. Emva kokungahanjelwa kakuhle zizinto kwiPirates phantsi kukaMandla Ncikazi noFadlu Davids, uHlatshwayo uye kwindawo elungileyo kwaye ufumene nomqeqeshi oyiqonda kakuhle indlela adlala ngayo. “Kukho ukhuphiswano olunzima phakathi kwabadlali kwiSuperSport United. Lo nto ithetha ukuthi kuza kufuneka ndiyilwele indawo yam,” utshilo uTyson.

“Yaziwa ngokuphumelela iindebe iSuperSport kwaye ndinethemba lokusebenzisa amava endiwafumenayo njengomdlali. Kumnandi kum ukusebenza noGavin kwakhona ngoba uyandazi. Nam ndiyamazi ukuba ungumntu onjani. Uza kundinceda ndivuselele isakhono sam sokudlala ibhola ekhatywayo. Liqela elindifaneleyo eli ndikulo futhi ndinethemba lokwabelana nabadlali abatsha ngezinto ezininzi,” utshilo uHlatshwayo. Eminyakeni emithandathu ayihleli kwiBidvest Wits, uTyson uphumelele indebe ye-Absa Premiership neyeTelkom Knockout. Kanti nakwiPirates wenza indima ebonakalayo ngethuba ifumana indebe yeMTN8 kwisizini yakhe yokuqala. Kulindeleke Amatsatsantsa athenge inqwaba yabadlali emva kokuthathelwa kwawo abadlali abaphambili kwisizini egqithileyo yiMamelodi Sundowns.