Nangona amaqela amabini engekabethwa kuGroup A – kodwa akukacaci kakuhle ukuba ngawaphi amaqela aza kudlulela kumjikelo olandelayo wetumente yehlabathi. Oku kwenzeke emva kokuba iNetherlands ibambene ngegowuli elinye macala ne-Ecuador emdlalweni obuseKhalifa Stadium ngorhatya lwanamhlanje. INetherlands nayo iEcuador zinethuba elihle lokuya phambili kwitumente yehlabathi ebanjelwe eQatar. Omabini la maqela aphumelele umdlalo omnye iqela ngalinye aze adlala ntanganye komnye umdlalo. Ukuphumelela kweSenegal, ebethe iQatar ngo’3-1 namhlanje kukona kwenza izinto zibe nzima ngakumbi kuGroup A.
Ngaphandle kweQatar eza kuwudlala nje umdlalo wokugqibela, amanye la mathathu amaqela kunyanzelekile aphumelele ukuba afuna ukuhlala kwitumente yehlabathi. Emva kokuba AmaDantshi ebethe iSenegal emdlalweni wokuqala, aye kwiEcuador ekhuthazekile efuna iphumelelo. UCody Gakpo ubhakuzelise umnatha ngebhola entle ayifake kwisigaba sokuqala. Igowuli lakhe lelesibini eQatar emva kokufaka elinye emdlalweni wokuqala. Ilwile iEcuador ikhokelwa nguKapteni wayo, uEnner Valencia, phambili. Ngelishwa side saphela isiqingatha sokuqala ixhathisile kakhulu iNetherlands.
Kwisigaba sesibini ihlasele ngamandla iEcuador yade yafumana igowuli elifakwe nguPervis Estupinan – kodwa usompempe akavumanga kuba uJackson Poronzo ebelalele. Emva kwethuba izama, iEcuador ifumene igowuli elifakwe nguValencia kwisigaba sesibini. Akukho nto ingenye enokubalulwa eyenziwe yiNetherlands ngaphandle kokuvala emva ithintela idemesha ebinokwenziwa yiEcuador ebikhangela igowuli lempumelelo. Umdlalo uphele ebambene amaqela futhi kungekho elifuna ukoyiswa. La maqela mabini abambene ngamanqaku amane ngoku emva kwemidlalo yanamhlanje. AmaDatshi aza kuzama ukuvala imidlalo kaGroup A ngokubetha iQata eseyibethwe kabini. Yona iSenegal kufuneka ibethe iEcuador ngamagowuli aliqela ukuze iye phambili.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!