UVan Niekerk wenze adume ngazo

UWayde van Niekerk, uphinde wenza adume ngazo! UVan Niekerk wenze imbali entsha ngokuthi abaleke umgama oyi-100m kwimizuzwana engaphantsi kweshumi (9.94 sec) kugqatso obeluseSlovenia, ngokuhlwa kwangoLwesibini.

Le ndedeba yaseKapa ibeke emva kwayo amadoda aziwayo afana no-Emile Erasmus obambe indawo yesibini noHenricho Bruintjies ofumene ibronze emva kokubamba indawo yesithathu.

Lo ngowona msebenzi ophucukileyo owenziwe nguVan Niekerk kwimidyarho yeembaleki athathe inxaxheba kuyo kwimbali yakhe.

Njengokuba etshathele kwi-400m – kodwa ubonisile amatyeli aliqela ukuba akukho apho angalungi khona ngokuthi agqugqise kwi-100m nakwi-200m angenantanga kuyo kwihlabathi lonke emva kokuyibaleka imizuzwana eyi-19.84 kutshanje eJamaica.

Kwelinye icala, uCaster Semenya uqhube kakuhle nakwiDiamond League kutshanje e-Oslo.

USemenya, owashiya amanenekazi kwi-800m kwi-Olimpiki kunyaka ophelileyo, uphindile e-Oslo eshiya uLynsey Sharp waseNgilane owamhlasela ngobuni bakhe emva kokumshiya kwi-olimpiki.

UMargaret Wambui noFrancine Niyonsaba zezinye zeembaleki ebezithath’ inxaxheba kugqatso lwase-Oslo.