Uvavanyo lukaSolinas lokuqala ngeMTN 8

Zimbini izinto ezithe zavela emva komdlalo wokuqala weKaizer Chiefs kwimpelaveki egqithileyo.

Kubonakala ngathi ingadlala umdlalo oya phambili kunangokuya ibiqeqeshwa nguSteve Komphela, enye kukuba uGiovanni Solinas ufuna ukunikwa ithuba ukuze iqela lifike kwizinga alifunayo.

Eso ayisosicelo esingaqhelekanga – kodwa nantoni ayenzayo, kufuneka kuqhotyoshwe impumelelo kuyo ngoba indlela yokuphungula umthwalo osemagxeni wakhe uSolinas – kukuphumelela indebe kuphela.

Kule veki Amakhosi adibana neFree State Stars kumdlalo weMTN 8 ngo’18:00 eFNB Stadium ngoMgqibelo. Le yindebe ebalulekileyo ekufuneka iphunyelelwe yiChiefs ukuze kuhle ulaka kubalandeli abaneminyaka emithathu yonke benxunguphele.

Amakhosi adlale umdlalo omhle ngethuba edlala ntanganye ngo’1-1 neMamelodi Sundowns kwiveki ephelileyo eLoftus Versfeld Stadium.

USolinas uzamkele iziphumo zomdlalo nakubeni ekhale ngokulahlwa kwamathuba ngabadlali bakhe. Le ndedeba yase-Italy iyiqonda kakuhle into efunekayo kuyo nangona idinga ixesha elithe xhaxhe ukuze iqhelane nabadlali.

“Ukuze kuphucuke indlela yokudlala; kufuneka ixesha eloneleyo. NoPitso Mosimane, oyena mqeqeshi obalaseleyo, zange azuze nto kwisizini yokuqala ngoba waqala ngokwakha iqela. Inkqubo ithatha ixesha. Awukwazi ukutshintsha izinto ebusuku kuse sezilungile,” utsho uSolinas.

USolinas utyikitye isivumelwano seminyaka emibini kwiChiefs emva kokuthatha isihlalo esashiywa nguSteve Komphela. Uzazi kakuhle ukuba kufuneka ayitshaye isaqhuma ukuze afumane uzinzo eNaturena.

“Ndithe zava emsebenzini wam ngoba ndithanda uxinizelelo. Yinto eqhelekileyo ebholeni. Ndiyalazi liqela elikhulu iChiefs njengeJuventus ngaph’eItaly. Ndiyabazi abalandeli bafuna indebe – kodwa sidinga ixesha phambi kokutshintsha kwezinto. Ndisebenza ngokuzimisela lonke ixesha. Ndiyavuya ngoba nabadlali bazimisele ngendlela engummangaliso.”

Ukudlala neFree State Stars iza kuba yinto enzima kakhulu ngoba kunyanzelekile iChiefs idlalele ukuphumelela ukuze yandise amathuba okuphumelela indebe isizini isaqala.

NgoMgqibelo: Mamelodi Sundowns vs Lamontville Golden Arrows @Lucas Moripe Stadium,15h00; Kaizer Chiefs vs Free State Stars @FNB Stadium,18h00; Orlando Pirates vs SuperSport United @Orlando Stadium, 20h30

NgeCawe: Maritzburg United vs Cape Town City @Harry Gwala ,15h00