UVeli Mothwa uyivimbe impumelelo iPirates emdlalweni weDStv Premiership

URichard Ofori we-Orlando Pirates noLehlohonolo Majoro waMaZulu FC emdlalweni weDStv Premiership namhlanje. Umfanekio: ©Sydney Mahlangu/BackpagePix

Abasoze bamlibale abadlali be-Orlando Pirates unozinti waMaZulu emva kokuvimba iqela labo amanqaku amathathu. UVeli Mothwa ube ngumqobo othembekileyo emdleleni yePirates ebambene ngegowuli elinye macala naMaZulu emdlalweni weDStv Premiership obushushu ngendlela emangalisayo e-Orlando Stadium namhlanje ebusuku. Umdlalo utshise zisuka, amaqela omabini ebelambele impumelelo ngoba ebenethuba elide engasaphumeleli imidlalo. AmaZulu ankqonkqoze kuqala ezipalini zePirates – kodwa uRichard Ofori uye wayivala ibhola eyingozi ebizanywa nguLehlohonolo Majoro. Abadlali bePirates badibanise iibhola besiya phambili ngelizama igowuli kwangoko emdlalweni, ngelishwa bafike uVeli Mothwa ethe qwa ezipalini zakhe.

Umdlalo ukhe wanqunyanyiswa imizuzu embalwa ngenxa yokonzala kukaMajoro noRichard Ofori abangqubeneyo besilwela ibhola ebiphezulu. Usompempe unike AmaZulu ipenela efakwe emnatheni nguSphesihle Maduna. Khange batyhafiswe ligowuli elingeneyo abadlali bePirates. Emva kwemizuzu embalwa, iPirates ifumene igowuli lokulinganisa ngebhola efakwe nguKermit Erasmus okhululwe yiMamelodi Sundowns kwinyanga ephelileyo. Kuyiwe kwixesha lokuphumla emva kwesiqingatha sokuqala ebesilawulwa yiPirates edale amathuba amaninzi. AmaZulu abuye ngamandla kwisigaba sesibini. Ebesilwela ukufumana igowuli lesibini abenokuphumelela ngalo umdlalo.

Kodwa ke aye enza impazamo emva ebangele usompempe anike iPirates ipenela. Ngelishwa lomhluzi wamanqina, iPirates ayizuzanga nto kuyo ngoba uMothwa uyibambile ibhola ebisuswe echaphazeni nguNkosinathi Sibisi. Umqeqeshi weBucs ophantsi koxinizelelo, uJose Riveiro, ufake uKwame Peprah endaweni kaKermit Erasmus. Naye uzamile – kodwa uMothwa akavumanga ukuvula. UMothwa uye wanikwa iwonga lomdlali oqaqambileyo emdlalweni wanamhlanje. Oku kwenzeke emva kokuba evale iibhola ezimbi ezilithoba nepenela emdlalweni wanamhlanje. URomain Floz uzamkele ngovuyo iziphumo zomdlalo wakhe wokuqala njengomqeqeshi waMaZulu. Ukungaphumeleli kwePirates namhlanje kuza kubeka uxinizelelo kuRiveiro oneqela elingakwaziyo ukusebenzisa kakuhle amathuba emidlalweni. Komnye umdlalo, iGolden Arrows ibambene neStellenbosch ngo’1-1.