UVenus ukhe phantsi isitya sigcwele kuMuguruza!

UVenus Williams esangana noGarbine Muguruza ombethe kwiWimbledon namhlanje emalanga.

Umdlalo wentenetya obujongwe ngamehlo abomvu obuphakathi kweentokazi ezigqwsileyo ezimbini ufikile waphinda wedlula. UGarbine Muguruza ufumene indebe yakhe yokuqala yeWimbledon ebomini bakhe emva kokoyisa igqala uVenus Williams kumdlalo wamagqibela kankqoyi obuseCentre Court namhlanje. Intomb’ endala yakwaWilliams ebincwase ukwenza imbali kwiWimbledon ixikixene kwanzima noMuguruza imizuzu engamashumi asixhenxe anesixhenxe yonke – kodwa yabethwa ngo’7-5, 6-0. UMuguruza, 23, uphumelela le ndebe encediswa ngumqeqeshi wakhe uConchita Martinez – owabalinenekazi lokuqala laseSpain ukuphumelela iWimbledon ngo’94 emva kokubetha Martina Navratilova.

Ngokubethwa kwakhe uWilliams namhlanje uphoswe lithuba lokuba yeyona ntshatsheli indala ngeminyaka yeWimbledon. Ubenethamsanqa uMuguruza ngethuba esinda amatyeli aliqela kwiiseshini zokuqla kulo mdlalo – ngelishwa lakhe uVenus akwakazwanga ukuwusonga umdlalo – into ethe yamchana ekupheleni komdlalo. Kunyaka uVenus Williams awaphumelela ngawo indebe yeWimbledon yokuqala, yena uMuguruza wayeneminyaka emithandathu nje qha. Ngoku igama lale ntokazi lizakubhalwa ecaleni kwamagama abadlali bentenetya abaphume izandla kwihlabathi abafana noSerena Williams noVenus Williams lo ubethiweyo namhlanje.