UVeselin Jelusic uthi iyingozi iPolokwane City

Veselin Jelui(Coach) of Bloemfontein Celtic during the Absa Premiership 2017/18 game between Bloemfontein Celtic and Kaizer Chiefs at Free State Stadium on 20 August 2017 © Frikkie Kapp/BackpagePix

Umqeqeshi weBloemfontein
Celtic, uVeselin Jelusic, ubuqonda kakuhle ubungozi bePolokwane City
phambi komdlalo wamanqam weTelkom Knockout okule mpelaveki. ICeltic yothulana
phezulu nePolokwane
City
ngentsimbi
yesithathu emalanga e-Old Peter Mokaba Stadium, ngeCawe. IRise and Shine ikwesi
sigaba seTelkom Knockout emva kokuguqisa phantsi i-Orlando Pirates kumdlalo
ogqithileyo. Kanti ke kwimidlalo yePSL, iPolokwane City
ikwazile ukubetha iMamelodi Sundowns nokubamba iKaizer Chiefs – lo nto ibonisa
mhlophe okokuba izimisele ukukhula kule sizini. UJelusic uya kulo mdlalo ungeCawe
enezo zinto engqondweni yakhe futhi kucacile engqondweni yakhe ukuba kufuneka
abadlali bakhe bakhuphe nasemqolo amandla ukuze bayoyise iPolokwane.

“Amalungiselelo
walo mdlalo ahamba kakuhle futhi asilideleli iqela esiza kudlala nalo. Ingakumbi
emva kokuba libethe iSundowns kumdlalo wePSL nePirates kolu khuphiswano,”
utshilo umqeqeshi weCeltic.

Isiwele
isendleleni yokubuyisela ubunganga bayo kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika emva
kokugqwidiza kakubi kwisini edlulileyo ezibhaqe kuyo ixinge phakathi kwamaqela
alwela ukungathotyiselwa kwinqanaba elisezantsi. IBloem Celtic yayibetha ngo’2-1
iCity kumdlalo wePSL kwaye liqela laseLimpopo ekulindeleke ukuba lifune
ukuphindisa kulo mdlalo wempelaveki.

“Ndicinga
ukuba amaqela omabini azakunyuka umnqantsa – kodwa ke nangona kunjalo,
sinethemba lokudlala kakuhle. Umdlalo ngamnye mtsha kuthi. Njengokuba
besitshilo ngaphambili, siyayihlonipha iPolokwane kwaye kucacile kuthi ukuba
kufuneka silindele umdlalo onzima. Sikulungele ukulwa kude kube sekugqibeleni. Siyazi
ukuba iPolokwane inabadlali abayingozi ngaphandle kukaRamagalela. Indlela esiza
kudlala ngayo iya kuxhomekeka kwindlela eza ngayo kuthi iPolokwane,” utshilo
uJelusic.