UVetyeka umncome ukomelela uTameda

USimphiwe Vetyeka uthi bekunzima ukubetha uTsuyeshi Tameda kumlo wabo we-International Featherweight wemijikelo elishumi, kwitumente ebiququzelelwe yiSijuta Promotions ngokuhlwa ngoLwesihlanu.

Le tumente ebizwa ngokuba yi- “100 NOT OUT” ibiququzelelwe yiSijuta Promotions ngokubambisene neYunivesithi yaseFort Hare, kwimibhiyozo yeminyaka elikhulu likhona eli ziko mfundo. Umlo omkhulu wosuku ubuphakathi kukaVetyeka nelityendyana laseJapan, uTameda.

“Bekunzima ukumbetha la mfana, bendiziva ngathi khange ndizilungiselele ngokwaneleyo, nangona ndichithe ixesha elininzi ndiziqeqesha. Ndive izithonga zakhe kwimijikelo yokuqala, ndabona ukuba akanawo amandla, kodwa bendingasokuze ndikwazi ukumwisa, kuba uyanyamezela,” utshilo uVetyeka.

Phakathi kweminye imilo ibitakisa iintlantsi kule tumente, nebibukelwe ngamawaka abathandi bamanqindi, uNtlantla Ngamntwini waseDuncan Village ubethe uMzwabantu Dabaza. UNgamntwini ubonakalise isakhono, amandla kunye nesantya samanqindi akhe, usandula ukuqala lo mlo.

UDabaza uzibone seguqe ngamadolo kumjikelo wokuqala emva kwenqindi elikhawulezayo alifakwe nguNgamntwini. Kumjikelo wesithathu, kuye kwacaca ukuba awuzoya kude lo mlo, kuba uNgantwini ebemongamele uDabaza. Uphinde wawa uDabaza kwakhona kulo mjikelo kwaye akakhange aphinde aphakame, uNgamntwini wagoguka nentshinga yeWBA Pan African Flyweight ibingenamntu phambi kwalo mlo.

“Ndizololonge ixesha elide ukulungiselela lo mlo, ndaqala amalungiselelo kweyoMnga kunyaka ophelileyo. Ndingumntu onqatyelwa ngabantu bokulwa apha eMzantsi Afrika, ndivuye kakhulu xa ndifumene uDabaza. Kudala endifuna, kwaye ungumntu ofaka uxinizelelo xa esilwa, kodwa ukuziqeqesha kwam kundisebenzele,” utshilo uNgamntwini.