USihlalo wekomiti yoosompempe (National Referees Committee), uVictor Gomes, uxelele iintatheli kutshanje ukuba ividiyo encedisa oosompempe emidlalweni ekuthiwa yiVAR iza kufika kungekudala eMzantsi Afrika. OkaGomes okuthethe oku emsithweni weCOSAFA ebekuwongwa kuwo abantu abaqaqambileyo ebholeni ekhatywayo abaphuma kwizizwe ezisezantsi kwizwekazi le’Afrika.
UGomes uthe iinkokeli zeSouth African Football Association nezePremier Soccer League bezikhe zanentlanganiso – apho bekuphononongwa amanyathelo ekufuneka athathwe phambi kokumiliselwa kwenkqubo yeVAR ngokupheleleyo emidlalweni yePSL.
“Besinentlanganiso kutshanje futhi ndingatsho ukuba iVAR iyeza. Amalungiselelo wethu sele ekwinqanaba eliphezulu kakhulu. Kwiiveki ezizayo siza kube siqwalasela umba weendleko zeVAR,” utshilo uGomes, obeke phantsi kwicala lokuvuthela impempe emidlalweni emva kwetumente yehlabathi ebibanjelwe eQatar.
UGomes ngomnye woompondozihlanjiwe boosompempe abaveliswe eMzantsi Afrika baze baziqaqambisa kwiitumente zeCAF neFifa. Umba wokusetyenziswa kweVAR uthande ukungxamiseka ngenxa yeempazamo ezenziwa ngoosompempe emidlalweni yePSL kule sizini esongwayo.
Amazwe amaninzi eYurophu anexesha elide eyisebenzisa iVAR. Kusenzima apha kwizwekazi le’Afrika ngoba akukabikho uqeqesho olwaneleyo koosompempe nemali yokuyimilisela. Sekulithuba kuthethwa ngayo eMzantsi Afrika – kodwa iSouth African Football Association ayikwazanga ukuyimilisela ngenxa yongabinayo imali yayo.
Kwelayo iPSL seyatsho ukuba ikulungele ukuyisebenzisa iVAR ebangula iziphene ibonise nezinto ezingacacanga kakuhle emidlalweni yebhola ekhatywayo. Imidlalo efana neqakamba nombhoxo zineminyaka ziyisebenzisa iVAR.
“Ndiqinisekile ukuba iVAR likamva lebhola ekhatywayo. Sicinga ukuba iza kunceda kwiPSL nakwezinye iindawo ehlabathini. Noxa ingekabikho – kodwa sikulungele ukuqeqesha oosompeme. Asifuni ke ukwenza izinto ngokungxama ngoba asifuni mpazamo.
“Sifuna isebenze kakuhle ukuze wonke umntu akuthembe ukusebenza kwayo,” utshilo uGomes. Yena uSihlalo wePSL, uGqirha Irvin Khoza, uxelele uKhozi FM kutshanje ukuba kudala iPSL yayilungela iVAR. Emva kokudibana neenkokeli zeSafa, uKhoza uthe ukusetyenziswa kweVAR yinto engakhawuleza yenzeke eMzantsi Afrika.
Ixhegwazana ligqumze uSASSA