UVictor Gomes uthi iVAR ngeke izisuse zonke iingxaki kwiPSL

Isaqhubela phambili ingxoxo eMzantsi Afrika ngomgangatho ophantsi woosompempe ebholeni ekhatywayo. Oku kuphenjelelwe ziziphene ezenziwe ngoosompempe emidlalweni yeDStv Premiership kule sizini nangona ingekayigqibi nenyanga iqalile. Sekulithuba elide abantu bebuza ukuba iVAR (ubuchwephesha obuncedisa oosompempe) iza kufika nini na eMzantsi Afrika. Umbutho olawula ibhola, iSouth African Football Association, kudala wathembisa – kodwa kunanamhlanje, akukabikho nto ecacileyo eyenziwayo. Okwenzeke emdlalweni obuphakathi kweMoroka Swallows neSekhukhune United kwiveki ephelileyo kuphinde kwavusa umnyele kwabaninzi. UGabadinho Mhango ugile weqa umgca unozinti weSekhukhune eyibambile ibhola, usompempe nomncedisi wakhe bayinika iSwallows igowuli.

Khange ihlale kakuhle ebantwini lo nto. Kodwa emva kokuphononongwa kokwenzeke emdlalweni, iSafa iye yamnqumamisa uSiyabonga Nkomo (usompempe womdlalo) nomncedisi wakhe uThamaga Sebati iiveki eziliqela bengaphathi midlalo kwiPSL. Nakubeni iSafa seyinikiwe yiFIFA igunya lokusebenzisa iVAR, yena uVictor Gomes uthi ukusetyenziswa kwayo ngeke kuzisuse ngokukhawuleza iingxaki zebhola ekhatywayo kwiPremier Soccer League. UGomes, onguSihlalo wekomiti yoosompempe kwiSafa, ukuthethe oku kwinkqubo yezemidlalo kaRobert Marawa kwisikhululo sosasazo saseGoli kutshanje. “Sesiyenzile yonke into siyikomiti yoosompempe. Sibhalele nakwiFIFA eseyisamkele nesiphakamiso sethu,” utshilo uGomes.

“Ngoku silinde kuqeshwe umntu (yiSafa) oza kujongana nomsebenzi wonke wokumiliselwa kweVAR. Silinde abasiphetheyo ukuze umsebenzi uqale. Kule sizini, sizimisele ukuyivavanya (iVAR) emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup. Okwangoku, sinoosompempe ababini kuphela abaqeqeshelwe ukusebenzisa iVAR. Lo nto iza kwenza izinto zibe nzima. Ukusetyenziswa kweVAR ngokupheleleyo kungathatha iminyaka emithathu ukuze kwenzeke kakuhle. Kodwa emasikwazi kukuba iVAR ayisoze izisuse zonke iingxaki zethu. Iza kuzicutha nje kuphela,” utshilo uGomes, obeke phantsi njengosompempe emva kokuphatha imidlalo yeFIFA World Cup ebibanjelwe eQatar ekupheleni konyaka ka2022. Kusekho ixhala lokungabikho kwemali eza kuhlawula iindleko zokumiliselwa kweVAR ebholeni yaseMzantsi Afrika. Abombhoxo nabeqakamba kudala benayo.