UVictor Letsoalo ubeke uMzantsi endaweni entle kwiCosafa Cup

USepana Victor Letsoalo uzenzele igama ngokufaka amagowuli amathathu emdlalweni uMzantsi Afrika obethe kuwo iLesotho ngo’4-0 eGqeberha izolo. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

UVictor Letsoalo weBloemfontein Celtic ubhale iincwadi zembali ngokutsha ngethuba efaka amagowuli amathathu xeshikweni uMzantsi Afrika uvuthulula iLesotho ngemvula yamagowuli amane eqandeni emdlalweni weCosafa Cup obungoLwesibini eGqeberha. Ngumdlali wesibini kwiqela lesizwe uLetsoale okwazileyo ukufaka amanqaku amathathu eyedwa. Omnye umdlali owenza njengaye nguBenni McCarthy edlalela aBafana Bafana ngo-1998 ngethuba bedlala neNamibia. Impumelelo ithathe uMzantsi Africa, ongekabethwa emidlalweni emithathu kaGoup A, yawubeka endaweni entle kakhulu kwiCosafa Cup.

Udlulele kumjikelo olandelayo emva koko uMzantsi Afrika. Emva komdlalo, uMorena Ramoreboli ubaqhwabele izandla abadlali bakhe ngokwenza umsebenzi oncomekayo. “Into ebibalukile kuthi ibikukudibanisa abadlali abatsha nabadala eqeleni. Ndicinga ukuba aBafana Bafana (abadlali) bakwazile ukulawula umdlalo ngendlela eyiyo,” utshilo uRamoreboli, othathe iintambo kukaHelman Mkhalele obhaqwe eneKhorona.

Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

“Sifake uLebo Maboe obeqala ukudlala nabadlali esinabo. Emva kwakhe sifake uKonqobe esiswini, phambili sathi masimphumze uLetsaolo ngoba ebedlalela iqela lesizwe okokuqala. Benze umsebenzi omhle abadlali ngoba size emdlalweni sinesicwangciso esihle kakhulu. Kuhle ukuphumelela ngoba lo nto ifunqula umoya wabadlali,” utshilo umqeqeshi. Konke oku kwenzeka umqeqeshi weqela lesizwe, uHugo Broos, engekho. UBroos wafika eMzantsi Afrika kwiinyanga ezigqithileyo – kodwa wabuyela eBelgium – apho wayesithi kufuneka afumane isitofu seKhorona khona.

Lixesha elide ngoku engabuyi – kodwa umbutho olawula ibhola, iSafa, ithi akukho sikhwasilima kulo nto. Isikhulu seSafa, uTebogo Motlanthe, uxelele iphephandaba lempelaveki ukuba ngokwezivumelwano, uBroos noCedomir Javenski, kufanele baqale umsebenzi wabo kwinyanga yeKhala. Yinto entsha leyo ngoba ekuqaleni kwakufanele balungiselele imidlalo yetumente yehlabathi eyahlehliswayo ngenxa yeKhorona. UMotlanthe uthe uBroos akakwazi ukubuya ngenxa yemithetho yeKhorona ngoku. Namhlanje aBafana Bafana babambene neZambia ngeqanda emdlalweni kaGroup A.