UVilakazi akazudlala kumdlalo weCAF

Namhlanje yimini enkulu kwiMamelodi Sundowns nanjengokuba isamkela iZamalek kumdlalo weCaf Champions League ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya eLucas Moripe Stadium.

Kodwa abalandeli bazakudaniswa, uSibusiso Vilakazi ofikayo akazukwazi ukudlala kulo mdlalo kuba engabhaliswanga, utshilo uThulani Thuswa osisithethi seSundowns.

“Ndiyavuya ukuba lapha nabadlali endibaqhelele kwiqela lesizwe. Apha ndizele ukusebenza nzima ndingajongi ezinye izinto. Ndisendaweni entle yokuba ndibenento endiyiphumelelayo neSundowns. Ndikhethe yona kuba iqhuba kakuhle kwi-Absa Premier Soccer League, nakwiChampions League, le nto ibonakalisa ukuba eli qela liqhuba kakuhle.

Ndiziva ndihloniphekile ukusebenza nomqeqeshi ofana noMosimane. Ndifuna ukwenza imbali neSundowns, kwaye ndiyayazi ukuba ndiqhuba kakuhle ndinethuba lokuya phesheya,” utshilo uVilkakazi.

Uthe ulijonge ngamehlo abomvu ukhuphiswano lokudlalela iqela elifana neSundowns. “Ndiyalazi uxinizelelo lokudlalela eli qela. Ndityikitye eli qela kuba ndifuna ukubeka usapho lwam endaweni entle, kwaye nesivumelwano abandityikityise sona besinditsala kakhulu. Kufuneka ndisebenze nzima kakhulu ukuba ndifuna ukuya phesheya. Bendingathanda ukudlala kwiChampions League, kodwa sele ndivile ukuba andisokuze ndidlale,” utsho uVilla.

Lo mdlali obefunwa ngamaqela amaninzi utyikitye isivumelwano seminyaka emithathu neSundowns, kuvunyelwene ngokuba uzakwangeza eminye iminyaka emibini ukuba sikhona isidingo. Kwalapha kwisivumelwano kuthiwe iSundowns ayinakuma endleleni kaVilakazi ukuba ufumana amadlelo aluhlaza phesheya.

Njengokuba uVilakazi eziqeqeshe neSundowns ebutsheni bale veki, into ayilwelayo kukuba afumane indawo kubadlali abazakudlala umdlalo wokuvula isizini ezayo. Ukaputeni weSundowns, uThabo Ntethe, uxelele oonondaba ukuba bazimisele ukuphumelela kumdlalo wanamhlanje.

Eli qela lifuna nje inqaku elinye ukuze liqinisekise indawo yalo kumjikelo olandelayo.