UVilakazi uyahamba kwiWits, nakanjani!

Ngunyaka wesithathu lo kumane kusithiwa uSibusiso Vilakazi uya kwiqela elithile kwiPSL okanye phesheya angade ahambe – kodwa kweli ityeli ingathi uzimisele ukuhamba ngokwenene.

Kusoloko kusenziwa amaqashiso rhoqo xa kuphela isizini okanye xa kuvulwa inyoba yokuthengwa kwabadlali ngoVilakazi, inqaba akade aye kwezi ndawo amane esoyanyaniswa nazo.

Emva kokuba uVilla ezenzele igama kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika njengomdlali weBidvest Wits ofaka amagowuli, amaqela amakhulu aye anomdla kuye. Inye kuphela into ewantintelayo: yimali eninzi efunwa liqela lakhe.

Ingxelo ekhutshwe kumajelo eendaba ngumanejala wakhe, uMike Makaab weProsport International, ithi le ndedeba iyahamba nakanjani. Amaqela amfunayo yiKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns. UBobby Motaung uthe iWits ayifuni kuthengisela iqela lakhe abadlali, kanti uPitso kwelinye icala ukhaliswa zizigidi ezilishumi [R10-million] ezifunwayo ngalo mdlali.

Iqela lakhe uVilakazi loyiswa kukumthengisa kumaqela aphesheya, ngoku kubonakala ngathi lifuna ukwenza imali ngaye kula alapha eMzantsi Afrika. Lo mdlali uyakufuna ukudlalela la maqela akhankanywe ngasentla kodwa uvalelwe yimali efunwa yiWits. UVilakazi, 26, uzimisele ukutyhoboza nokuba kuvaliwe.

“Ewe, iWits ayifuni kuthengisela iChiefs lo mdlali ngoba inenjongo yokulwela indebe ye-Absa Premier Soccer League kwisizini ezayo – kodwa yena umdlali uyafuna ukuhamba. Uyifanele lo nto ngokwenene emva kweminyaka edlalela iWits,” ucatshulwe ngamajelo endaba esitsho uMakaab.

Ngaphandle kwamathandabuzo, uVilakazi ufuna ukuya kwiChiefs okanye kwiSundowns. Umanejala wakhe uthe izinto zakucaca kule veki ukuba ziya kweliphi icala. Kwisizini edlulileyo. Lo mdlali ufake amagowuli alithoba kuphela kuyo yonke imidlalo ayidlalileyo.