UVladislav Heric ubuyela kwiChippa United njengomqeqeshi wayo omtsha!

Vladislav Heric, Coach of Ajax Cape Town during the Multichoice Diski Challenge 2016/17 football match between Ajax Cape Town and Polokwane City at Ikamva, Cape Town on 26 February 2017 ©Chris Ricco/BackpagePix

Ngale njikalanga usihlalo
weChippa United, uSiviwe Mpengesi, ubhengeze igama likaVladislav Heric welizwe
laseSerbia njengomqeqeshi omtsha weqela lakhe. Le ndoda igaleleka ezithendeni
zikaTeboho Moloi ogxothiweyo emva kokuba iChippa United ibethwe ngamagowuli
amabini eqandeni (2-0)
yiCape
Town City

kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obumhle kakhulu izolo ebusuku e-Athlone
Stadium. UHeric wayeyinxalenye yeChippa United ngethuba ibuyela kwiPSL kwisizini
ka-2013/14 – kodwa wakhawuleza wongeza inani labagxothwayo emva kokungahambi
kakuhle kwezinto. Le ndedeba yaseSerbia iyaziwa kweli lizwe laseMzantsi Afrika
ngoba iqeqeshe amaqela aliqela aquka iRoyal Eagles, iMaritzburg United neBlack
Leopards.

Nangona engenayo imbali yeziphumo
ezicacileyo kule minyaka imbalwa edlulileyo – kodwa uMpengesi ucinga okokuba
uHeric yeyona ndoda enokuthi izise uzinzo eqeleni lakhe. “Siqinisekile ukuba
uHeric yindoda esifaneleyo esi sikhundla sokuqeqesha. Besikhangela umqeqeshi
oyaziyo indlela elisebenza ngayo eli qela futhi onamava noyakuthi adlale indima
yobuzali ebadlalini bethu. UHeric, 50, unazo zonke iimpawu zomntu
obesumkhangela. Ngo-2014 wayinceda iChippa wayizisa kwinqanaba elingasentla,
uyindoda enamva – siyamakela kwiChippa United. Siyakholelwa ukuba iChippa
United isenako ukufinca isizini isendaweni endilisekileyo,” utshilo uMpengesi
kwingxelo ekhutshwe kolu rhatya.

Eyona nto iphambili ajongene nayo
lo mqeqeshi mtsha kukuqinisekisa okokuba iChippa ifumana indawo kwiTop 8 xa
kuphela le sizini. Inokwenzeka lo nto ukuba ingayiphumelela imidlalo yayo
eshiyekileyo. UMoloi uchithwe yiChippa emva kokuba ingakwazanga ukuphumelela
nomnye umdlalo kwimidlalo esixhenkxe ilandelelana. UVladislav Heric uza kuqala
ukusebenza ngoMvulo phambi komdlalo weNedbank Cup ophakathi kweChippa neFree State
Stars.