UVries uthathwe yiKaizer Chiefs

Indodana yaseNamibia, uVirgil Vries, ibhengezwe njengomdlali weKaizer Chiefs ekuqaleni kwale veki.

UVries (29) ukhululwe yiBaroka FC ekupheleni kwesizini emva kokuchitha isizini enye kuyo. Lo mdlali uza kuvala indawo eshiywe nguBrilliant Khuzwayo osele engumdlali opheleleyo weOrlando Pirates ngoku.

KwiChiefs kulindeleke ukuba akhuphisane noItumeleng Khune, uBruce Bvuma noBrylon Petersen.

“Emva kokushiywa nguKhuzwayo, sithe masifumane unozinti onamava ukuze ancedise uKhune. Sinabo oonozinti abasebatsha – kodwa kufuneka basebenze nabanamava. Siyamamkela uVirgil,” utshilo uBobby Motaung.