Uvukile uMonnapule Saleng odume ngokwenza idemesha kwiMTN8

UMonnapule Saleng usengundabamlonyeni emva kokunceda i’Orlando Pirates ngempelaveki egqithileyo. IPirates idlulele phambili kwiMTN8 Cup emva kokuba izibethele iSuperSport United ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni obutaka iintlantsi eSoweto. Amagowuli ephumelele ngawo iPirates afakwe nguNdah, uSaleng noMakgopa ongene kwisigaba sesibini. Onke amagowuli afunyenwe yiPirates asuke kuSaleng owudlale kakuhle kakhulu umdlalo wakhe wokuqala kwisizini entsha.

Isizini yakhe yokuqala wayidlala kakuhle uSaleng. Uya kuhlala ekhunjulwa ngokubulala iSundowns eyabulawa yiPirates ukuze uManqoba Mngqithi kufakwe uRulani Mokwena esikhundleni ngo2022. Emva koko waye wehla umdlalo wakhe. Kodwa uJose Riveiro khange amncame. USaleng, 26, oyingozi xa kuhlaselwa nofaka amagowuli, ubonakele seyiphela isizini ka2023/24. Likhona ithemba lokumbona edubula kwakhona emva kokufaka igowuli emdlalweni weMTN8 Cup odlulileyo.

Emva komdlalo obumhle eSoweto, uRiveiro ulincome kakhulu igalelo elenziwe nguSaleng. “Wenze umsebenzi omhle kakhulu uSaleng ebaleni. Uyingozi kakhulu xa edlala ngendlela adlala ngayo ngoku. Ndonwabe kakhulu futhi ndinethemba lokuba uza kuqhubela phambi nokudlala kakuhle,” utshilo umqeqeshi waseSpain osekhondweni lokuphumelela iMTN8 Cup isihlandlo sesithathu amatyeli elandelelana. Indlela ephumelele ngayo iPirates ithumela isilumkiso kwamanye amaqela.

Nangona iPirates ifuna ukuphakamisa indebe yeMTN8 ekhatshwa lishumi lezigidi zerandi (R10-million) ukuqala kulo nyaka – kodwa igxeleshe ukulwela indebe yeBetway Premiership esoloko ithathwa yiSundowns. Abadlali abafana noSaleng, uMabasa, uMaswanganyi noMofokeng baza kwenza indima ebonakalayo kwisizini entsha. Ngumsebenzi onzima lo ejongene nawo iPirates – kodwa inabo abadlali engalwa ngabo emva kokutyikitya abadlali abayingozi phambi wesizini entsha.