UVuluyeke Zulu ubulel’ ithuba kakhulu alinikwe yiChippa United!

ULyle Lakay weSundowns noVeluyeke Zulu weChippa United emdlalweni weDStv Premiership kutshanje eNelson Mandela Bay Stadium. Umfanekiso: Deryck Foster/BackpagePix

Umdlali odlala emva, uVeluyeke Zulu, ulibambe ngezandla zozibini ithuba alinikwe nguGavin Hunt kwaye ukuvuyela kakhulu ukudlalela iChippa United. Le ndedeba yaKwaZulu-Natal efike kwiiveki ezimbalwa ezigqithileyo eGqeberha isuka kwiRichards Bay – iqela elidlala kwiGladAfrica Championship elizibalule ngokubetha iKaizer Chiefs kwiNedbank Cup kwisizini egqithileyo. UZulu sele ephandle amehlo wabalandeli bebhola ekhatywayo ngokudlala kakuhle emidlalweni emibini edlalwe yiChippa United kule sizini entsha. Kuyo yomini, uZulu uchongwe njengomdlali oqaqambileyo. Lo nto ihambelana ncamashi nento efunwa nguZulu njengomdlali weChilli Boys.

“Kudala ndifuna ukudlala kwinqanaba eliphezulu lebhola ekhatywayo ukuze nam ndibonwe. Ndiyakuvuyela ukuba ngumdlali weChippa United kakhulu,” utshilo uZulu emva komdlalo weDStv Premiership ophele iliqanda macala phakathi kweChippa neMamelodi Sundowns. Noxa sele iyinto ethande ukuqheleka kwiChippa ukuba phakathi kwamaqela ajingelwa lizembe, kule isizini kukho ithemba lokutshintsha kwezinto phantsi kukaHunt – oziqaqambise kumaqela afana neHelenic, iBlack Leopards, iMoroka Swallows, iSuperSport United neBidvest Wits phambi kokuya kwiChiefs kwisizini egqithileyo. UZulu, 26, uthi lifikile ixesha lokukhula kweChippa United enethuba elide ikhasa – kodwa engade ime ngenyawo.

“Kum iqela ingase lingaphindi lizibhaqe lisilwela ukusinda ezembeni. Silapha ukuze iChippa United iphumelele iindebe. Asifuni ukulwela ukuba phakathi kwamaqela aphambili nje kuphela, sifuna ukuphumelela iindebe,” utshilo uZulu, othi uziva enethamsanqa njengokuba ephantsi kwesandla sikaHunt. “Umntu endifuna ukumbulela ngumqeqeshi. Ndenza into endiyixelelwe ngumqeqeshi xa ndidlala ebaleni. Kuhle ukusebenza nomqeqeshi onjengoHunt ebomini bam ngoba unamava. Uqeqeshe amaqela amaninzi futhi uphumelele neendebe ezininzi,” utshilo uZulu. Ngenxa yemidlalo yeFifa ekule veki, iChippa iya kubuyela ebaleni xa indwendwela iRoyal AM ngomhla weshumi elinambini kwinyanga yoMsintsi, eChatsworth Stadium.