Emva kokuphumelela iMatriki kunyaka ophelileyo, sekuqinisekisiwe ukuba uBayanda Walaza uza kufumana imfundo enomsila eTshwane University of technology (TUT), ePitoli. Kunyaka ophelileyo, uWalaza wazenzela udumo ngokufumana imbasa yesiliva noogxa bakhe emidlalweni ye-Olimpiki, eFrance.
Emva koko kwavakala iindaba ezithi isikolo saseMelika samnunusa ngendawo yokufunda nanokuqinisa kuyo isakhono sakhe sokubaleka – kodwa zange avume ukuhamba eMzantsi Afrika.
UWalaza uza kufunxa ulwazi kwizifundo ekuthiwa yiSupply Chain Management. Le mbaleki, eyazenzela igama elihle ibaleka namaqhawe afana noShaun Maswanganyi, Akani Simbine noBradley Nkoana, isichazile isizathu ezibangele ukuba ikhethe ukufunda kwiyunivesithi yasePitoli.
“Ndiza kufunda kwindawo yeentshatsheli. Kundivuyisa ngendlela emangalisayo ukufunda eTUT ngoba yindawo eyixabisileyo imfundo nemidlalo. Ndizimisele ukwenza kakuhle kuzo zombini,” utshilo uWalaza owaswelekelwa nguyise eneminyaka elishumi.
Ukhuliswe ngunina kuphela – kodwa nangona kunjalo, unethemba lokuguqula ubomi bakhe ngemfundo nemidlalo. “Kusemnandi ukuba ngomnye wabantu abanika uMzantsi Afrika iimbasa. Yinto endingasoze ndiyilibale. Indlela endaziva ngayo ikhethekile ngoba ndandingcangcazela phambi kokubaleka kwethu eParis.
“Ndathi ndakubona imiyalezo esuka esikolweni sam ndaqonda ukuba ndiyaxhaswa. Ndathi mandilwe, ndife ukuba ndiyafa emva kokuba ndiyenzile eyam indima. Emva koko kwenzeka into endingasoze ndiyilibale ebomini bam,” utshilo uWalaza ethetha neentatheli kutshanje.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine