UWayde uzakuphephezelisa iflegi yoMzantsi Afrika

Imbaleki yalapha eMzantsi Afrika uWayde van Niekerk, unikwe olona xanduva likhulu ngaphandle kokumela uMzantsi Afrika kuphela. Le ndedeba izenzele igama apha ekhaya kwi400m, izakuba yiyo ezakubamba iflegi yoMzantsi Afrika kule midlalo izakuqala kwinyanga ezayo.

Eli liwonga elikhulu kakhulu, kodwa ke kudala elisebenzela kwezinyanga zidlulileyo, ukusukela kunyaka ophelileyo. Le mbaleki iphakathi kwabantu ekulindeleke ukuba babuye neembasa ezibalulekileyo.

Kushiyeke iiveki ezimbini phambi kwemidlalo ye-Olimpiki eRio, kwaye sele kusenziwa izibhengezo ezibalulekileyo. Yonke into emayelana nemidlalo yaseRio sele ifikelela esiphelweni ngoku, kuyabonakala ukonwaba kwiimbuso zabadlali abaza kuthatha inxaxheba.

Imbaleki yaseJamaica * -Usain Bolt, waphumelela kwi200m kwimidlalo ye-Olimpiki eLondon. Kwakhona uzakuba nethuba lokuba azibonakalise. UBolt uzakuba nethuba lokuba enze into abangakwazanga ukuyenza abantu abaninzi. Inkampani yosasazo yakwaSupersport, ibibambe imibhiyozo yokulungiselela usasazo lwemidlalo ye-Olimpiki eRio. Imidlalo yalo nyaka ithembisa iintlantsi zodwa, kwaye kuza kuvela iintshatsheli ezintsha. UMzantsi Afrika ngokukodwa ujonge lukhulu kwiqela elizakuya kumela ilizwe, ingakumbi kwiimbaleki nabadlali abadadayo. Ngokuqinisekileyo izakuvela nokuba inye imbasa yegolide. Iingxaki ezambethe ilizwe laseBrazil izakuba yinto yezolo xa kudlalwa le midlalo kwezi veki zimbalwa zizayo.

UBolt kunye netshamba lakhe laseJamaica uzakube ekhona ezibonakalisa. IMelika nayo kulindeleke ukuba ifike negqiza layo izibonakalise. UWayde uzakube ekhokela igqiza loMzantsi kwindlela yokufezekisa iphupha labo elikhulu, nelineminyaka emine belindile ukuba lifezeke ukumela isizwe kwi-Olimpiki.