UWhiteley ngukapteni omtsha weSpringbok!

Springbok coach,Allister Coetzee and Springbok captain Captain Warren Whiteley during the 2017 Springbok Press Conference at Randburg Supersport Studios in Johannesburg South Africa on 22 May 2017 ©Aubrey Kgakatsi/BackpagePix

Umqeqeshi weBoks, u-Allister Coetzee, ubhengeze uWarren Whiteley njengondoda ezakukhokela iqela lesizwe lombhoxo xa lidibana neFrance kwinyanga yeSilimela. Oku ukwenze ngethuba ebhengeza amagama wabadlali eGoli. Ubunkokeli bakhe kwiLions bubo obubenefuthe kwisigqibo esithathwe ngumqeqeshi weBoks.

UWhiteley uxelele iintatheli ukuba uyalibulela ithuba alinikiweyo ngumqeqeshi watsho echaza okwenzekelieyo phambi kwesibhengezo. “Ukuxoxa nomqeqeshi ngemiba ethile yinto esiqhele ukuyenza – kodwa ndiye ndothuka xa endicela ukuba ndibe ngukapteni weqela lesizwe. “Sincokole kamnandi kakhulu into ephaya kwimizuzu ekumashumi amane. Besingathethi ngemiba yombhoxo qha, besithetha nangobom nje ngokubanzi. Umqeqeshi uthe mandiye ekhaya ndiyothetha nonkosikazi wam ngezi ndaba. Inkulu le nto ndiyifumeneyo. Manditsho, yinto endingazange ndacinga ukuba ingenzeka kum,” utshilo uWhiteley.

Lo kapteni weSpringbok ungena endaweni ka-Adriaan Strauss – ogqibe kwelokuba athathe umdlala phantsi ekupheleni kwesizini edlulileyo. UCoetzee ubone lo kaWhiteley njengeyona ndoda esifaneleyo isikhundla sokukhokela iqela lesizwe lombhoxo. Esinye sesizathu esibenefuthe kwisigqibo somqeqeshi ngumdlalo ophucukileyo kaWhiteley kwaye ongaguqukiyo.

“khange kubenzima ukuchonga uWarren. Kufuneka sibenaye ezingcingeni zethu umntu ofanele ukukhokela iSpringbok. Kufuneka indoda esebenzileyo futhi ezakulidibanisa iqela lesizwe futhi iqinisekise ukuba sifumana iziphumo. Ngomnye wabadlali abathe baqaqamba embhoxweni iminyaka eliqela. Uyahlonitshwa kwaye unamava emva kokukhokela iLions iminyaka emininzi,” utshilo uCoetzee.

Amagama wabadlali:

Phambili (18): Lood de Jager, Pieter-Steph du Toit, Ruan Dreyer, Eben Etzebeth, Steven Kitshoff, Siya Kolisi, Jaco Kriel, Frans Malherbe, Malcolm Marx, Bongi Mbonambi, Oupa Mohoje, Franco Mostert, Tendai Mtawarira, Lizo Gqoboka, Coenie Oosthuizen, Chiliboy Ralepelle, Duane Vermeulen, Warren Whiteley (captain).

Emva (13): Lukhanyo Am, Andries Coetzee, Ross Cronjé, Damian de Allende, Francois Hougaard, Elton Jantjies, Jesse Kriel, Dillyn Leyds, Rudy Paige, Raymond Rhule, Jan Serfontein, Courtnall Skosan, Frans Steyn.