UWhiteley ubuyela umdlalo wamagqibela kankqoyi’

Ngomso yimfazwe ephakathi kuka Davide noGoliyathi kumdlalo wamagqibela kankqoyi weSuper Rugby, eNew Zealand. ILions izakumela uMzantsi Afrika kumdlalo wayo wokuqala ngqa wamagqibela kankqoyi kule tumente. Umqeqeshi kunye nabadlali bayakwazi ukubaluleka kwalo mdlalo, uzakubanzima kuba iHurricanes idlalela kowayo.

Emva kokuphoswa ngumdlalo ophambi kwamagqibela kankqoyi phakathi kweLions neHighlanders, ngenxa yokwenzakala, ikapteni uWarren Whiteley uzakubuya akhokele iLions kumdlalo wamagqibela kankqoyi wangoMgqibelo. Njengokuba kubuya uWhiteley abadlali abafana noRuan Ackermann noLourens Erasmus nabo bazakufakwa kodwa bazakuhlala ngaphandle, njengamalalela. Ngokwexesha loMzantsi Afrika, lomdlalo uzakuqala ngecala emva kwentsimbi yethoba kusasa.

Nali iqela leLions elizakuqala umdlalo: 15 Andries Coetzee, 14 Ruan Combrinck, 13 Lionel Mapoe, 12 Rohan Janse van Rensburg, 11 Courtnall Skosan, 10 Elton Jantjies, 9 Faf de Klerk, 8 Warren Whiteley, 7 Warwick Tecklenburg, 6 Jaco Kriel, 5, Franco Mostert, 4 Andries Ferreira, 3 Julian Redelinghuys, 2 Malcolm Marx, 1 Dylon Smith Replacements: 16 Armand ‘Akker’ van der Merwe, 17 Corner Fourie, 18 Jacques van Rooyen, 19 Lourens Erasmus, 20 Ruan Ackermann, 21 Ross Cronje, 22 Howard Mnisi, 23 Jaco van der Walt.