UWhiteley yinkokeli yeSpringbok!

Umqeqeshi weBoks, * -Allister Coetzee, ubhengeze uWarren Whiteley njengendoda ezakukhokela iqela lesizwe lombhoxo xa lidibana neFrance kwinyanga yeSilimela.

Oku ukwenze ngethuba ebhengeza amagama wabadlali eGoli.

Ubunkokeli bakhe kwiLions bubo obubenefuthe kwisigqibo esithathwe ngumqeqeshi weBoks.

“Inkulu le nto ndiyifumeneyo. Manditsho, yinto endingazange ndacinga ukuba ingenzeka kum,” utshilo uWhiteley.

“Khange kubenzima ukuchonga uWarren. Kufuneka sibenaye ezingcingeni zethu umntu ofanele ukukhokela iSpringbok. Kufuneka indoda esebenzileyo futhi ezakulidibanisa iqela lesizwe futhi iqinisekise ukuba sifumana iziphumo. Ngomnye wabadlali abathe baqaqamba embhoxweni iminyaka eliqela. Uyahlonitshwa kwaye unamava emva kokukhokela iLions iminyaka emininzi,” utshilo uCoetzee.

Amagama wabadlali:

Phambili (18): Lood de Jager, Pieter-Steph du Toit, Ruan Dreyer, Eben Etzebeth, Steven Kitshoff, Siya Kolisi, Jaco Kriel, Frans Malherbe, Malcolm Marx, Bongi Mbonambi, Oupa Mohoje, Franco Mostert, Tendai Mtawarira, Lizo Gqoboka, Coenie Oosthuizen, Chiliboy Ralepelle, Duane Vermeulen, Warren Whiteley (ikapteni).

Emva (13): Lukhanyo Am, Andries Coetzee, Ross Cronje, Damian de Allende, Francois Hougaard, Elton Jantjies, Jesse Kriel, Dillyn Leyds, Rudy Paige, Raymond Rhule, Jan Serfontein, Courtnall Skosan, Frans Steyn.