UWilliams noKhune bayasixhasa isigqibo sikaBaxter

Itumeleng Khune , Ronwen Williams and Lee Baxter during the South Africa training session at Princess Magogo Stadium on the 3 September 2018 © Gerhard Duraan/BackpagePix

Ekuqaleni
kwale veki, umqeqeshi weqela lesizwe lebhola ekhatywayo, uStuart Baxter, uye wanyanzeleka
ukuba achophe ayichaze eyokuba unyana wakhe umchonge ngabuni. Ngenxa yengxaki
evelele umqeqeshi woonozinti, u-Andre Arendse, lo nto iye yamnyanzela uBaxter
ukuba akhangele umqeqeshi oza kujongana noonozinti. UBaxter ukhwebe uLee
Baxter, unyana wakhe osebenzela iKaizer Chiefs. Abantu abaninzi bayibone
njengento engafanelekanga – kodwa uye wazithethelela ngelithi uLee ngumqeqeshi
woonozinti onoqeqesho ngaphezulu kwabo bonke abakhoyo eMzantsi Afrika kwaye
ixesha lokukhangela ebengenalo kakuhle. ABafana Bafana babila besoma enkampini
– apho balungiselela khona umdlalo wokuzibekela indawo kwi-AFCON ophakathi
kwabo neLibya, uzakube useMoses Mabhida Stadium ngentsimbi yesithathu
ngoMgqibelo.

URonwen
Williams no-Itumeleng Khune basikhusele isigqibo esithathwe ngumqeqeshi wabo batsho
besithi ngabo abathe bakubizwe uLee Baxter. “Ewe…abaphathi beSafa bathethile
nathi phambi kokuthathwa kwesigqibo ngoba mna noKhune sisebenzile naye (uLee)
kwaye sithi abathethe ngegama lakhe kubo. Ungumqeqeshi osezingeni eliphezulu
kakhulu. Xa esebenza nonozinti, akagxili kumsebenzi woonozinti nje kuphela –
usifundisa nendlela nendlela ekudlalwa ngayo emva. Ibalulekile kakhulu lo nto
kuthi. NguDarren (Keet) kuphela obengekasebenzi naye – kodwa ubukho bakhe
bunceda thina sonke. Kuninzi kakhulu esikufundayo kuye kwaye usuka eYurophu,”
utshilo uWilliams.

Kanti naye
uKhune uthethe into efanayo kwiMetro FM izolo. UKhune uxelele uRobert Marawa
okokuba isigqibo sikaBaxter sokuthatha uLee sisuka kuye noWilliams ngoba
bekungekho xesha futhi bayamazi indlela asebenza ngayo. UMzantsi Afrika uzakube
uxikixana neLibya kwiinzame zawo zokuzibekela indawo kwi-2019 AFCON
ekulindeleke ukuba isingathwe yiCameroon ekuqaleni konyaka ozayo.