UWilliams ufuna ukuhlala kwiSuperSport

Unozinti weSuperSport United, uRonwen Williams, uzichithile iingxelo ezimayamanisa ne-Orlando Pirates.

Lo nozinti kuvakala iindaba ezithi ukuluhlu lwabadlali abafunwa kakhulu yiPirates phambi kokuqala kwesizini entsha. UWilliams udlale indima ebalulekileyo kwimpumelelo yeSuperSport United. Amatsatsantsa a Pitori aphumelele iNedbank Cup kwiveki ephelileyo emva kokubetha iPirates ngo’3-2 kumdlalo obusePeter Mokaba Stadium. Kwisini ephelileyo, lo nozinti udlale yonke imidlalo yePSL.

Ethetha neSolezwe, lo mdlali uthe: “Kwisizini ezayo ndakube ndidlala kwiSuperSport mna. Into ethethekayo yePirates ayikho ngoba andiyi ndawo. Abantu bahlala besithi akukho mntu ndikhuphisana naye – ndiyathemba bambonile uPule Boafela udlale njani ngoMgqibelo,” utshilo uWilliams.

Lo mdlali wakhutshwa kumdlalo weNedbank emva kokonzakala.