‘Uwukhulisile umdlalo wam uJohn Mitchell’

Ifolosi yeVodacom Bulls, uThembelani Bholi, iyalincoma igalelo lomqeqeshi wakhe uJohn Mitchell.

UBholi, waseNgxingxolo kwindawo yaseMooiplaas, eMonti, uthi uMitchell uwukhulisile umdlalo wakhe.

“Uwukhulise kakhulu umdlalo wam uMitchell. Zininzi izinto aziphuhlisileyo kwindlela endidlala ngayo,” utshilo uBholi.

UBholi (28), ebetyelele ilali yakhe ngoMgqibelo ogqithileyo, uthi umnqweno wakhe kukunceda iBulls zibuyele kwindawo yazo kumbhoxo waseMzantsi Afrika.

“Wonke umdlali unephupha lokunceda iqela lakhe lidlale kakuhle. Nam ndinelo phupha. Ndifuna ukunceda iBulls iphinde ibe lelona qela liphambili eMzantsi.”

Uthi yohlukile indlela enza ngayo uMitchell kwabanye abaqeqeshi awakhe wasebenza nabo.

“Ungumntu olungileyo nobathandayo abantu, kodwa xa liqalile ixesha lokusebenza kuyasetyenzwa kakhulu. Wohlukile kakhulu kubaqeqeshi endandikhe ndasebenza nabo ngaphambili,” utshilo.

Uyibulele kakhulu nenkxaso yabalandeli bombhoxo, ingakumbi abakwiphondo leMpuma Koloni.

“Ndiyayibulela inkxaso endiyifumana kubalandeli bombhoxo,” utshilo.

UBholi udlale phantse kuyo yonke imidlalo yeBulls kwiSuper Rugby kule sizini.

Amanye wamaqela awadlaleleyo aquka iBorder Bulldogs, EP Kings, Southern Kings. IBulls lelona qela laseMzantsi Afrika elinembali entle kwiSuper Rugby. Baphumelela indebe ngo’2007, 2009 nango-2010. Alikabikho elinye iqela kweli lizwe elikwazileyo ukuphumelela iSuper Rugby.

Kwezinye iindaba: ILions iza kuqubisana neCrusaders Christ Church kwimizuzu engamashumi amabini anesihlanu phambi kwentsimbi yeshumi. Iza kuba kokwesibini engquzulana kumdlalo wamagqibela kankqoyi la maqela. Kunyaka ophelileyo, iCrusaders yabetha iLions ngo’25-17 eRhawutini.

Kokwesithathu ifikelela kumdlalo wamagqibela kankqoyi iLions. Ngo2016 yabethwa yiHurricanes.