USihlalo weKaizer Chiefs, uGqirha Kaizer Motaung, unike abantwana bakhe uxanduva lokuphatha iKaizer Chiefs emva kweminyaka exhuzula imikhala. Oku kucace kakuhle ngethuba evakalisa ukuxhasa kwakhe unyana wakhe omncinane, uKaizer Motaung Junior, amnike umsebenzi wokuba ngumlawuli weChiefs ukusukela kwiminyaka embalwa edlulileyo.
Amakhosi aphantsi koxinizelelo ngenxa yendlala yeendebe esele iqingqingqithe iminyaka elithoba yonke. Kutshanje, abalandeli banyanzelise ukugxothwa kukaMolefi Ntseki eneenyanga ezimbalwa engumqeqeshi emva kokungena endaweni eyashiwa ngu-Arthur Zwane ohleli isizini enye.
Ukusokola kweChiefs kubangele kubekho abantu abathi uGqirha Motaung makathathe iintambo ngokwakhe kwakhona. Kodwa yena uGqirha Motaung, 79, uthe sele enike abantwana bakhe umsebenzi wokuthatha iChiefs bayise phambili nakubeni izinto zingekaphucuki.
“Kuyevakala kum okuthethwa nguKaizer Junior. Sendinike bona uxanduva lokuya phambili neqela,” utshilo uGqirha Motaung ethekweni alenzelweyo ebelizinyaswe ngabadlali bakudala beChiefs. Oku kwenzeke emva kokuba uGqirha Motaung ehlonitshwe ngelona wonga elikhulu yiSouth African Hall of Fame.
“Uxanduva lusemagxeni wabo ngoku abantwana bam. Mna ndijonga izinto ndithe qelele. Okwam ngoku kukuxhasa lo nto bayenzayo kangangoko ndinako. Ndiza kuqinisekisa ukuba igama leqela liqhubela phambili nokukhula,” utshilo uChincha Guluva, igama awayebizwa ngalo ngeentsuku zakhe zobutsha esengumdlali webhola ekhatywayo.
Ubulele abalandeli ngokunceda iqela lakhe lide likhule libe yinto eliyiyo ngoku. “Inye into endingayithetha: kukuthi enkosi kubalandeli ngokuxhasa iChiefs ukusukela kwiminyaka yakudala ukuza kuthi ga ngoku.
“Kodwa kungakuhle ukuba banganomonde ngoba sisazama ukwakha iqela. Sifuna ukuqinisekisa ukuba iChiefs ibuyela esimeni sayo yomelele. Sixhomekeke kwinkxaso yabo abalandeli kwaye siyababulela,” uvale ngaloo mazwi uGqirha Motaung emva kwetheko ebeliseFNB Stadium.
Amakhosi andwendwela iMoroka Swallows emdlalweni weDStv Premiership oza kube useDobsonville Stadium. Aya emdlalweni esazikhotha amanxeba emva kokubethwa yiPirates kutshanje. Kunyanzelekile Amakhosi aphumelele ukuze anyukele phezulu kwiDStv Premiership.
Ubuyile uloliwe phakathi kweKapa neRhawutini