UXasa uthembisa ngokumxhasa uCaster

UCaster Semenya woMzantsi Afrika ebhiyoza emva kokuphumelela kwiiCommonwealth Games eCarrara Stadium ekwiGold Coast, eAustralia

Umphathiswa wezeMidlalo kuzwelonke, uTokozile Xasa, ubethe ngenqindi phantsi ngelithi uza kuyixhasa imbaleki yelizwe loMzantsi Afrika, uCaster Semenya.

Abantu belizwe lonke bashiyeke bebambe ongezantsi bengakholelwa yimithetho eyothusayo ebhengezwe yi-IAAF.

Lo mbutho uxelele ihlabathi ukuba utshintshe imithetho yawo echaphazela iimbaleki ezingamanenekazi.

Ngokokutsho kukamongameli we-IAAF, uSebastian Coe, le mithetho inyanzela iimbaleki ezinamadlala anamandla ngaphezulu kwezinye ukuba ziwathobe ngamachiza athile.

Le mithetho kubonakala ngathi yenzelwe ukutheza amandla uCaster ngoba ichaphazela eyona migama agqwesa kuyo i400m, 800m ne1500m.

UXasa uthe uza kuthetha nesebe lakhe ukuze kubekho indlela elingamlwela ngayo uCaster.

“Ndicela bonke abantu baseMzantsi Afrika ukuba baxhase uCaster baphikisane nemithetho eyenziweyo ukuze achwethelwe ecaleni. UCaster ngumntu onika ithemba abantu abaninzi abahlala ezilalini. Ngomnye wabo bantu ababonise abantu abacinga ukuba akukho nto intle eyakuze iphume ezilalini,” utshilo uXasa.

UCaster Semenya akayifakanga engqondweni into eyenziwe yi-IAAF ngoba ngempelaveki ephelileyo uphumelele ugqatso oluyi400m.

Ixesha aphumelele ngalo i400m yeSA Student Championships ebezibanjelwe eSasolburg, lelona likhawulezileyo kwimbali yakhe.

Ngokuphumelela, le mbaleki ibonise ukuqaqamba kwekamva layo namandla okunyamezela xa ibaleka.

UCaster uzuze le mpumelelo emva kokubuya neembasa zegolide ezimbini kwiCommonwealth ka2018.

“Ndisenawo amandla okubaleka i800m futhi ndiza kuqhubela phambili nokubaleka kuyo kwaye kusekho i50000m ne1000m. Ndingayiphucula indlela endibaleka ngayo kwilixa elizayo,” utshilo uCaster.

Le mithetho mitsha iza kunyanzela uCaster ukuba asebenzise amachiza athile aza kunceda athobe amandla, kungenjalo akanakuvunyelwa ukubaleka imigama agqugqisayo kuyo kwihlabathi.

Ikomiti yezemidlalo epalamente icele iSascoc ukuba iyiphikise imithetho ye-IAAF ecinezela uCaster.