Uphantsi koxinizelelo umqeqeshi waMaZulu emva kokukhutshwa kwiTelkom Knockout.
Nangona kunjalo, Jozef Vukusic, uthe ukubethwa kweqela lakhe kulinika ithuba lokugxila emidlalweni yeAbsa Premiership.
UVukusic ungene endaweni kaCavin Johnson ogxothwe kwinyanga ephelileyo ngenxa yeziphumo ezingancumisiyo.
Kwimpelaveki ephelileyo, AmaZulu ahlazwe yiMamelodi Sundowns ngamagowuli amahlanu eqandeni emdlalweni obubanjelwe eLucas Moripe Stadium.
“Sidlale kakuhle, izinto zonakele kwakufakwa igowuli kuthi. Umdlalo ubunzima kodwa zikhona zona izinto engesizenze ngcono. Ngoku kufuneka sigxile kwimidlalo yePremiership ekufuneka siqinisekise okokuba siqokelela amanqaku kuyo. Kufuneka sisuke kwindawo esikuyo,” utshilo uVukusic.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo