Uyabulela uNoxolo ohlangulwe yiTLB Boxing Promotions

UNoxolo Makhanavu yimbethimanqindi yaseMdantsane. Umfanekiso: Facebook

Ngenxa yokunqatyelwa yimilo, uNoxolo Makhanavu, ebesecicini lokuyeka amanqindi – kodwa ngoku ubulela inkampani yabathelekisi, iTLB Boxing Promotions, emnike ithuba lokuvuselela isakhono sakhe. UMakhanavu uphakathi kweembethimanqindi eziza kuthatha inxaxheba kwitumente yamanqindi eza kube iseSecunda kwiphondo laseMpumalanga. Le mbethimanqindi yaseMdantsane yagqibela ngo-2017 ukulwa kwaye ibisele ingenalo ithemba lokulwa kwakhona. Emilweni elithoba ayilwileyo uMakhanavu, uzingqengqise izihlandlo eziliqela iimbethimanqindi alwe nazo engabethwanga nakanye kwayilwileyo.

“Kudala ndikurhalela ukulwa. Indiphose amatyeli aliqela imilo ngenxa yokumiswa kwayo. Ndingatsho ndithi besendinikezele mna kwaye bekukufuphi ndibeke phantsi emanqindini ngethuba ndifumana umyalezo othi iTLB Promotions iza kundinika ithuba lokulwa kwakhona. Ndilibulela kakhulu ithuba endilinikwe yiTLB Promotions,” utshilo uMakhanavu, owagqibela ukulwa mhla wayebetha uPortia Base ngo-2017. UMakhanavu, 35, uthi imbethimanqindi aza kudibana nayo eSecunda, uSimangele Hadebe, akayazi kakuhle ngoba wayibona emdlalweni omnye – kodwa akaqondi ukuba angandinika ingxaki.

“Andimazi kakuhle uSimangele,” utshilo uMakhanavu. “Ndambona kanye kuphela esilwa noNxazonke. Ndambona ngoko indlela alwa ngayo,” utshilo uMakhanavu, obila esoma enkampini. “Ndizilolonga no-Ayanda Ndulani nezinye iimbethimanqindi. Kunzima kodwa ukuzilolonga namadoda ngoba abetha kakhulu. Akakucingeli kuba ulinenekazi,” utshilo uMakhanavu. Naye kwelakhe icala uSimangele ukhale ngokungamazi kakuhle uMakhanavu. “Ndifuna ukuyithatha intshinga. Okuhle kukuba sobabini sakube singalweli kwiindawo zethu. Andimazi uNoxolo. Zange ndimbone tu esilwa – kodwa ndakube sendimazi emjikelweni wesibini. Amathuba okuphumelela ayalingana (50/50). Bekunzima nzima kakhulu kuthi ngenxa yeKhorona. Xa uyimbethimanqi, kufuneka ulwe qho ukuze uhlale unamandla,” utshilo uHadebe.