UYakheka Mpukane uzakhela ikamva emahasheni ezilalini!

“Ndifuna ukuba yidyokhi – kodwa ndifuna nokufunda.” Lawo ngamazwi kaYakheka Mpukane, inkwenkwana eneshumi elinambini leminyaka (12) yaseSinqumeni, eDutywa. Noxa esemncinane ngeminyaka nangomzimba – kodwa izinto azenzayo xa eqabele ihashe zinkulu kakhulu kunaye. UYakheka, obeqabele ihashe ekuthiwa nguBazothini Abantu, uphume phambili emidyarhweni emibini kuBhomela, eDutywa, ekuqaleni kwale nyanga. Xa eqabele ihashe, uYakheka uyazinza alawule isantya sehashe ngomkhala nangemvulu yakhe ngobuchule ngokufanayo needyokhi eziqeqeshiweyo. Njengokuba abantu abaninzi bethatha ixesha elide ukuze bazazi iziphiwo zabo okanye izinto abafuna ukuzenza ebomini – yena uYakheka sele eyazi kodwa ufuna ihambe nemfundo.

UYakheka Mpukane yidyokhi esencinane ezalelwe kwilali laseSinqumeni, eDutywa. Umfanekiso: Pedro Mapelo

“Kudala ndiyidyokhi,” utshilo uYakheka ngelizwi eliqavileyo, ephendula I’solezwe lesiXhosa. “Ndingaphaya kweminyaka emibini ndiphalisa. UTat’ omkhulu wam wayephalisa, mna ndafundiswa nguye,” utshilo uYakheka. Into ephuma emlonyeni kaYakheka iphilile kwaye ucinga njengomntu omdala. Nangona ezazi ukuba uyidyokhi ekonwabelayo ukuphumelela – kodwa yonke lo nto ufuna ihambe nemfundo. “Ukubamba indawo yokuqala kundivuyise kakhulu. Eyona nto eyenza kube mnandi kakhulu kukuba uvuyelwa ngumntu wonke emva komdyarho. Xa ndimdala ndifuna ukuya kwinqanaba eliphezulu – kodwa ndifuna nokufunda. Akukho qeqesho esilifumanayo. Thina sijonga indlela abaphalisa ngayo badala kuthi. Ndikuthanda kakhulu ukuphalisa amahashe futhi andoyiki mntu,” uvale ngaloo mazwi.

Uyisemkhulu, uMnu. uVukile Mpukane, uya naphi apho ayakhona umzukulwana wakhe. “Unyanisile, wafundiswa ndim. Kudala ndaphalisa. Into eyabangela ndimfundise kukuba nguye othanda amahashe. Kudala elila esithi mandithenge ihashe aza kuphalisa lona emidyarhweni. Lo mntana ulala ecaleni kwehashe. Xa lisesitalini; uphuma nokuba kukane ebusuku. Ukuphalisa yinto esegazini kuye (uYakheka) ngoba yinto azalwe isenziwa kowabo. Injongo yam kukumsa eGqeberha – apho aza kufundiswa khona. Ndifuna afumane uqeqesho ngoba ukuphiwe ukuphalisa amahashe,” utshilo uMnu. Mpukane.