Uyakhula umdlalo wamanqindi eChris Hani

Umququzeleli wamanqindi kwingingqi yeChris Hani nokwangumqeqeshi weQueenstown Boys Boxing Club(QBBC), uMabhuti Mapeyi, uthi uyoneliseka yindlela okhula ngayo umdlalo wamanqindi kule ngingqi.

Oku ukutsho kudliwano ndlebe neli phepha ndaba, I’solezwe lesiXhosa, emva kwetumente yamanqindi ebibanjelwe kumabala emidlalo i-Indoor Sports Centre, kuKomani kule mpela veki igqithileyo.

Le tumente ibiququzelelwe liqela leQBBC nebelibhiyozela iminyaka engamashumi asibhozo anambini lasekwayo.Ngalo mhla i-QBBC ibimeme amaqela eengingqi ezohlukeneyo zaseChris Hani, Sara Baartman kunye neBuffalo City.UMapeyi uthe, “Nangaphezu kwemincili esinayo ngokugqiba iminyaka emininzi siqhuba, sivelisa iintshatsheli zikazwelonke, sonwatyiswa kukubona indlela ophucuke ngayo umdlalo weembethi manqindi zasezilalini nokonyuka kwenani lamaqela ethu. Lo nto ibonakalisa phandle ukuzimisela kwabaqeqeshi nabadlali basezilalini”.

Phakathi kwemilo ibingundaba mlonyeni singabalula obuphakathi kwentshatsheli yePhondo leMpuma Kapa, uAti Hola weXhalanga Boxing Club, kunye noLukhanyo Matiso waseSara-Baartman. UAti uthe wawisa ngophotho uLukhanyo kumjikelo wesibini kumdlalo wamagqibela kankqoyi kuluhlu lwabaneminyaka elishumi elinesixhenxe, watsho waphumelela imbasa yegolide.

Umququzeleli lo uthi, le tumente ibitshayelela ezininzi ezizayo eziquka ezakubizwa ngeqhawe lomzabalazo ethiywe ngayo le ngingqi yabo uChris Hani, ezakuba kwakule nyanga ngomhla wamashumi amathathu. UMapeyi uvale ngokubulela wonke umntu ofaka isandla ekuphuhliseni izakhono zolutsha oluntyumpa ntyumpeka kwiziyobisi.

Ubulele nakubahlali ebebephume ngendlu ingakumbi abazali babadlali abanika inkxaso kubantwana babo. Ophumelele indebe yegolide, uAti uthe akusekho kubuya mva ngoku, eqalile nje ukuchola chola ezi mbasa akasayi kubuya umva nakulo unyaka.