Uyakhula umdlalo weKarati kwidolophi yaseMthatha

Ukhula ngokukhula umdla kumdlalo wekarate kwisikolo samabanga aphantsi iVela eMthatha. Lo mdlalo uxhaphake kwiidolophi ezinkulu kodwa ngoku kwindawo yaseMthatha ulutsha luzibandaka nawo njengeminye yemidlalo ehamba phambili nenomtsalane.

Kukhuphiswano lwakutshanje abafundi besikolo iVela JSS abalishumi nesihlanu abafumene iimbasa kukhuphiswano obelubanjelwe eMonti – apho baphune kwindawo yesibini besoyisa iPitoli, iGonubie nezinye iindawo. Eli phephandaba lityelele iVela JSS ngethuba kuqeqeshwa abafundi kwikarate simahla.

Umqeqeshi wequmrhu elizinze kwesi sikolo iJoburg Karate Association(JKA), uMunira Baldiwale, uthi sebehambe umgama omde, nangona beqale kunyaka ophelileyo ukuziqeqeshela ikarate.

“Ndithatha amakhwenkwe angaphantsi kweshumi elinesibhozo leminyaka namantombazana, ndibaqeqeshe, ndifundise ukuzikhusela kulwaphulo-mthetho.

Ukuphumelela iimbasa ezilishumi elinesihlanu kwinyanga ephelileyo yinkuthazo nomsebenzi omhle esiwenzayo. Siqeqesha kanye ngeveki ngenxa yokunqaba kwezixhobo. Singavuya ukuba singafumana ezinye izixhobo,” kutsho uBaldiwale.

Lo mqeqeshi uthi umdlalo wekarate awunanto yakwenza nokubetha, njengoko kucingwa njalo luluntu, kodwa ufundisa ukuzikhulisela kwizinto ezifana nohlaselo kwa nokuziphatha.

Umfundi uTanisha Eskdale(10) uthi sele efunde lukhulu kulo mdlalo.

“Ngaphambi kokuqala ukudlala ikarate bendihlukunyezwa ngabanye abafundi kodwa bayandoyika ngoku ndiyakwazi ukuzikhusela, ndisoloko ndidlala ikarate,” utshilo * -Eskdale.

Omnye umfundi * -Ayanda Mtse(12) waseKhwezi osele echithe iminyaka emibini kulo mdlalo uthi ebesoloko enomdla wokudlala wade walifumana ithuba lokungena.

Uthi uyavuya emva kokuphumelela imbasa ngoba imkhuthazile kakhulu. Luyaqhuba uqeqesho nangona kukho ukunqongophala kwezixhobo kweli ziko.