Iphantsi kweliso elibukhali loogqirha imbethimanqindi yaseMpuma Koloni emva kokonzakala emlweni obungoLwesihlanu ogqithileyo. UYanga Sigqibo ufe isiqaqa emva kokoyiswa nguRicardo Malajika waseGauteng emlweni wentshinga ye-IBO junior bantamweight obubanjelwe kwindawp ekuthiwa yiEmperors Palace, eGoli. Kanye emva komlo, ingxelo ithi uSigqibo uwe engabhungisanga wabe sebalekiselwa kwisibhedlele esiseKempton Park. Kuthiwa bekukubi ekuqaleni kodwa ungcono ngoku.
Ingxelo ekhutshwe ngumququzeleli weGolden Gloves, uJeff Ellis, ithi uSigqibo ufumana unyango olusemgangathweni ophezulu eArwyp Medical Care Hospital emva kokufunyaniswa ukuba unegazi ebuchotsheni. “Ndiyayincoma indlela ezenzeke ngayo izinto. Inqwelo yezigulane ifike ngokukhawuleza yabe seyimbalekisa esibhedlele. Ndihleli kwabetha intsimbi yesithathu ekuseni esabhilwabhilwa ziingcaphephe zoogqirha. Bafumene igazi engqondweni – kodwa ebengophi kakhulu,” utshilo uEllis.
Iindaba ezimnandi zithi uye wabhetele uSigqibo. “Ndithe xa ndifika kwakhona wabe ebhetele futhi ekwazi ukuthetha nokuhamba engancediswa. Ugqirha uthe konke kuhle, ingxaki ibikukopha kwengqondo. Bade baqiniseke ukuba uphilile, ugqirha uthe uza kuhlala esibhedlele,” utshilo uEllis kwiSowetan ngempelaveki edlulileyo. Kuthande ukuxhaphaka ukonzakala kweembethimanqindi. ULudumo Lamati wonzakala esilwa ngo2023 eYurophu, zange aphinde akwazi ukulwa emva kokuphuma esibhedlele saseBelfast.
Umlo uye waphunyelelwa nguMalajika emva kokuba upheliswe ngusompempe kumjikelo weshumi elinanye. Ngoku ilimo yakhe iyonke uuMalajika ilishumi elinesixhenxe. Yonke uyiphumelele ngendlela encumisayo kakhulu. Yena uSigqibo ebesilwa umlo wakhe wamashumi amabini anesithathu ngoLwesihlanu ogqithileyo. Nakubeni uEllis ethe imbethimanqindi ikwimeko ezinzileyo – kodwa akukacaci kakuhle ukuba iza kuphuma nini esibhedlele.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo