UYannick Zakri uzingcwabile ezikaMagebhula izolo

Yannick Zakri of Ajax Cape Town celebrates goal with teammates Grant Margeman of Ajax Cape Town (l) and Tendai Ndoro of Ajax Cape Town (r) during the Absa Premiership 2017/18 football match between Ajax Cape Town and Orlando Pirates at Cape Town Stadium, Cape Town on 31 January 2018 ©Chris Ricco/BackpagePix

Umqeqeshi we-Ajax
Cape
Town, uMuhsin Ertugral, ubethe
ngenqindi emoyeni ngamandla ngethuba evuyela impumelelo yeqela lakhe izolo
ebusuku. Ezikamagebhula zigoduke zithokombise iintloko emva kokuvuthululwa ngo’3-0
yi-Ajax Cape Town kumdlalo obunzima we-Absa Premier Soccer League, eCape Town
Stadium. NguYannick Zakri – ifolosi etyikitywe kutshanje leli qela, engcwabe
i-Orlando Pirates kumdlalo onokubonwa njengendlela ethile yokuziphindesela
kaMuhsin Ertugral – owemka kwiPirates phambi kokuphela kuka-2016 emva
kokubethwa yiSuperSport United kabuhlungu. UZakri, osuka kwiMamelodi Sundowns,
ungcangcazelise umnatha izihlandlo ezibini kumdlalo wayizolo emva kwegowuli
elifakwe nguYagan Sasmon – lo nto icacise mhlophe iinjongo zeqela
lika-Ertugral.

Igowuli le-Ajax Cape Town
elifakwe, ebidlalela ekhaya izolo, liyixhokonxile iPirates ngoba iye yazama
ukuphendula kwangoko emdlalweni. UJustin Shonga uphantse ukulandelisa ngelakhe
igowuli – kodwa ibhola yakhe ayifumene kuThembinkosi Lorch, iphume ecaleni
kwepali. UTendai Ndoro, obedlala okokuqala nePirates awayeyidlalela kwisizini
edlulileyo, uphantse wavukuza umnatha naye kumzuzu wamashumi amathathu
anesibini emva kokufumana ibhola entle kuZakri.

Nangona
kuyiwe kwixesha lokuphumla i-Ajax inkqenkqeza phambili – kodwa iBucs yiyo
ebilawula umdlalo. Kwisiqingatha sesibini iPirates iyongamele – kodwa into
engakwazanga ukuyenza kukufaka ibhola emnatheni: eyona nto ebibalulekile kuyo.
UMuhsin Ertugral namakhwenkwe wakhe baqinisekise okokuba bawavala onke amazibuko
emaphikweni. Lo nto iyisokolisile kakhulu iPirates emdlalweni.

Komnye umdlalo
wePSL obudlalwa izolo, AmaZulu abethe iSuperSport United ezikayo kule sizini ng’1-0
kumdlalo obuseLucas Moripe Stadium izolo. Le mpumelelo ithathe Usuthu yalubeka
kwindawo yeshumi elinanye – kanti yona iSuperSport United ikwindawo yeshumi
elinesine kwiPSL.