Uyazingca ngakwenze embhoxweni

UBabalwa Latsha udlalela iqela lesizwe loMzantsi Afrika namanenekazi neWestern Province.

Eminyakeni emihlanu engumdlali wombhoxo, uBabalwa Latsha uzingomba isifuba ngezinto azenzileyo.

ULatsha zange wazibona engumdlali wombhoxo esakhula kodwa izinto zaguquka ngo2014, mhla wacelwa ngamantombazana amabini ukuba awancedise esengumfundi kwiyunivesithi yaseNtshona Koloni (University of the Western Cape).

Ukusukela ngalo mini, zange abuye ngamva.

UBabalwa linenekazi elidlala umbhoxo elazalelwa kwaBhaca (Mount Frere) kodwa elikhulele kwiilokishi zaseKapa ezifana neKhayelitsha. “Amantombazana amabini athi acela ndincedise iqela lawo lombhoxo kukho itumente yamaqela eeyunivesithi. Atsho kum ndingazange ndawudlala umbhoxo nangelanga elinye. Ndazilolonga usuku olunye phambi kwetumente eyayingempelaveki. Ndadlala ndingazinto ndinjalo. Kwathiwa mandibambe ibhola ndiye phambili; nangoku ndandivele ndigqotse ndakufumana ibhola,” utshilo uLatsha.

Ngoku ebomini bakhe, uBabalwa udlalele iyunivesithi yaseNtshona Koloni, iWestern Province neqela lesizwe namanenekazi (Springboks Women) kwaye wenziwe inkokeli kuwo onke loo maqela. “Kunyaka olandelayo, ndafakwa kwelinye iqela (fifteens). Yonke into yakhawuleza. Kangangokuba izinto ezininzi ndazifunda emidlalweni.

Ndaya kuvavanyo kwiWestern Province ndidlala njengeflenka kodwa ndatshintshwa ndayiProp endiseyiyo nangoku.

Kuyo yonke lo nto, ndandincedwa nguLwazi Mzozoyana, Hendricks noTa’Ace (Andile) ohlala eMpuma Koloni ngoku,” utshilo uLatsha. “Inkqubela yam indimangalisile. Mihlanu qha iminyaka ndidlala umbhoxo kodwa kuninzi kakhulu okwenzekileyo” utshilo uLatsha ngokukhulu ukuzingca.

UBabalwa linenekazi lokuqala elintsundu eMzantsi Afrika elidlale umbhoxo kwinqanaba eliphezulu eYurophu. “Ndilinenekazi lokuqala elidlale umbhoxo wabalishumi elinesihlanu (Fifteens Rugby).

Yimbali leyo eyakuhlala naphakade. Lo nto ithi nabanye bangayenza into endiyenzileyo, ngakumbi umntwana womntu omnyama osuka eKhayelitsha.

Akumelanga intsokolo ibe ngumqobo ebomini bethu.

USiya Kolisi ngumzekelo omhle. Usuka elokishini yaseBhayi kodwa ngoku yinkokeli yeSpringboks ephumelele indebe yehlabathi. Senze umsebenzi omhle kakhulu kwiSpringboks Women.

Khumbula iminyaka mine lingadlali iqela lesizwe, amanye amazwe ebengamanga kodwa kunzima kunjalo, sizamile ukuleqa futhi sakwazi ukulwela indawo yethu.

Siza kulungiselela indebe yehlabathi ngoba asifuni ukuyokongeza inani phaya. Siyathemba uza kusinika inkxaso enikwe AmaBhokobhoko kwindebe yehlabathi,” utshilo uLatsha.