Umdlali-siswini weSuperSport United, uReneilwe Letsholonyane, uthi angalithi xhakamfu ngezandla zozibini ithuba lokudlalela iqela lesizwe ukuba lingavela. Lo kaLetsholonyane, 35, ngomnye wabadlali abadala abadlala kwi-Absa Premier Soccer League – kodwa amandla anawo nendlela asebenza ngokuzimisela ngayo yogqitha nabadlali abaseneminyaka ephantsi. Njengokuba eMzantsi Afrika kukho umkhwa ombi wokujongela phantsi abadlali abangaphaya kwamashumi amathathu eminyaka, yena uYeye uyaphikisana nalo mbono ngomsebenzi wakhe ebaleni.
Esi siququ somdlali besilundwenwe olubekekileyo kumsitho weSAB Under-21 National Championship kutshanje eNewtown – kulapho axelele khona iintatheli ngokulindelekileyo kwiqela lakhe njengokuba kusondela isizini entsha. ULetsholonyane wadlala indima ebalulekileyo kwimpumelelo yeKaizer Chiefs phantsi kwiminyaka eliqela, kodwa ngakumbi phantsikukaStuart Baxter. Kanti lo mdlali uphinde wenza umsebenzi oncomekayo kwiNedbank Cup ephunyelelwe yiSuperSport United kwinyanga ephelileyo. Naphantsi kuka-Eric Tinkler – ongene endaweni kaBaxter njengomqeqeshi waMatsatsantsa a Pitori – uYeye uthi bazimisele ukuthatha apho bayeke beliqela kwimidlalo yeCaf.
“Yoh, Bra! Ukuba ndingalifumana elo thuba; ingayinto enkulu kakhulu kum leyo. Siyakholelwa ukuba singaya kumdlalo wamagqibela kankqoyi weConfederations Cup. Siyile kwiindawo eziliqela apha e-Afrika kwaye sibuye neziphumo ezincumisayo. Kufanele kubenjalo naxa sisiya eZambia. Sicinga ukuba singayibetha iZesco United nangenxa yamava umqeqeshi anawo kwimidlalo ye-Afrika,” utshilo uYeye.
Njengokuba uBaxter – eyona ndoda asebenze nayo kwiSuperSport nakwiChiefs iqeqesha iBafana Bafana – uLetsholonyane usenalo ithemba lokukhwetyelwa kwiqela lesizwe. “Ndingabamba ngazo zozibini ithuba lokudlalela iBafana Bafana ukuba ndingalinikwa. Zange ndithi ndikuyekile ukudlalela iqela lesizwe,” utshilo uLetsholonyane.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo