Uyihloniphile iJamani umqeqeshi weFrance

NgeCawa iFrance neqale ngesantya esiphantsi kukhuphiswano oluqhubayo lwe-2016 Euro engosotheko kulo nyaka izibonakalisile ukuba lelinye lamazwe ahamba phambili kwibhola ekhatywayo kwihlabathi.

Ikubonakalise oko ngethuba ivuthulula i-Iceland ngo’5-2 kumdlalo owandulela ophambi kwamagqibela kankqoyi obudlalelwa eStade de France.

IFrance ikwazile ukubonisa amanye amaqela umgangatho ekuwo. Iqale ngokusokola kakhulu kolu khuphiswano, kwaye khange inikwe thuba lokuba ingahlala ixesha elide ngabantu abaninzi.

Kulo mdlalo iFrance ikwazile ukufumana isingqi sayo yafaka inqwaba yamagowuli ukuze ikhuphe i-Iceland kolu khuphiswano.Lo ibingumdlalo onikisa umdla kakhulu ingakumbi intswahla yengoma ibisuka kubalandeli bamaqela omabini. Umqeqeshi weFrance, uDidier Deschamps, wonwabile kakhulu emva kokuba ikhalile impempe yokugqibela kulo mdlalo. Into encede iFrance kakhulu kukufaka abadlali abatsha abambalwa kulo mdlalo.

Zikhona iimpazamo ezithile azibonileyo umqeqeshi nekuzakufuneka esebenze kuzo nabadlali bakhe, phambi komdlalo olandelayo. Ngoku iFrance ilindele ukujamelana neentshatsheli zendebe yehlabathi ka-2014, iJamani, eMarseille ngokuhlwa ngoLwesine.

IJamani yona ibethe i-Italy ngoMgqibelo kwiipenalthi. UDeschamps ubalumkisile abadlali bakhe ngobungozi beJamani:

“Ndiyabavuyela abadlali ibibafanele le mpumelelo, kwaye siyenzele abalandeli bethu ebekudala besemva kwethu. IJamani lelinye lelona qela liqhuba kakuhle kolu khuphiswano, nangona bekukho iindawo ibisokola kuzo ngoMgqibelo. “Sinphakathi kwamaqela amane okugqibela, kwaye sizakudlala ngokuzinikela xa sidlala neqela eliphambili, hayi eYurophu kuphela nakwihlabathi jikelele,” utshilo uDeschamps.

Kumdlalo wesibini ophambi kwamagqibela kankqoyi, ngomso iWales izakudlala nePortugal ngokuhlwa ngentsimbi yethoba.