Uyikhusele intshinga yakhe uPatrick Malinga

Umphathiswa weZemidlalo neNkcubeko eMpuma Koloni, uPammy Majodina, noPatrick Malinga. Umfanekiso: Sinikelo Goqweni

UPatrick Malinga uyikhusele itayitile yakhe kudidi lweWBA Pan African Light Weight ngoLwesihlanu odlulileyo eMthatha.

UMalinga ubethe uViwe Mdletyeni zacima izibane kumjikelo wesithathu kowona mlo obujongwe ngamehlo abomvu.

Le tumente ibiququzelelwe yiZulu Sports Production ibambisene nesebe lemidlalo leMpuma Koloni nomasipala i-O.R.Tambo neKing Sabatha Dalindyebo Municipality. Abantu bahleli kwade kwasekuseni belinde lo mlo obuphakathi kukaMalinga noMdletyeni.

UMdletyeni uwuqale kakuhle kakhulu umlo ngakumbi kwimijikelo emibini – kodwa izinto ziye zatshintsha emva kokufumana izithonga zamanqindi kuMalunga. Abalandeli bakhe, phantse bonke eholweni, baphume iintliziyo zikrunekile ngenxa yesigqibo sikasompempe ochithe umlo emva kokuwiswa kukaMdletyeni.

Ethetha neli phephandaba emva kokuphumelela, uMalinga, uthe amalungiselelo ngaphambi komlo ngawo amncedileyo. “Bekungekho lula ukuza eMthatha kuba bendisazi ukuba nantoni ingenzeka. Ndibulela inkxaso yabalandeli nabaphathi bam. Inyathelo elilandelayo ingathi ndizolwa noMzonke Fana. Ndiyavuya kakhulu ukufumana impumelelo ndilikhusele ibhanti lam,” utshilo Malinga.

UPemmy Majodina, umphathiswa weZemidlalo noBugcisa eMpuma Koloni, uthembise ngokubanjwa kwale tumente unyaka nonyaka ngale nyanga yoMsintsi njengendlela yokukhuthaza amanqindi e-O.R.Tambo kunye nenkcubeko.

Komnye umlo omkhulu obunemijikelo elishumi elinesibini kudidi lweWBF All Africa Mini Fly Weight kwintshinga engena mntu ,uAyanda Ndulani waseMonti, ubethe uNdikho Magadaza wasePort Alfred ngamanqaku.

Phakathi kweembethi manqindi ebezizimase le tumente ziquka Sphamandla Baleni, Athenkosi Dumezweni, Zolani Tete, Xolani Mcotheli, Ali “rush hour” Funeka, Mzonke Fana nabanye abaliqela emanqindini.