UYusuf Maart uqwathaze Amathambo kwaphela ngawo eFNB Stadium!

Abadlali beKaizer Chiefs bevuyela igowuli abalifake kwiPirates emdlalweni weDStv Premiership obuseFNB Stadium namhlanje emalanga. Umfanekiso: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Kuphephezela umoya wolonwabo phakathi kwabalandeli beKaizer Chiefs ecambalalise iOrlando Pirates ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni weDStv Premiership obutshisa bhe eFNB Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Igowuli eliqwathaze Amathambo kwaphela ngawo namhlanje lifakwe sisiquququ ebesiqala ukudlala idabi lobukhaya, uYusuf Maart, kwisigaba sesibini somdlalo phambi kwamashumi alithoba amawaka abezalisa iFNB Stadium. Umdlalo ubusemgangathweni ophezulu njengesiqhelo. IPirates ibixhokonxa ngoKermit Erasmus noMonnapule Saleng phambili njengakweminye imidlalo yawo. Yona iChiefs iqale umdlalo ngoNkosingiphile Ngcobo noDillan Solomons abangaqhelanga ukuqala umdlalo.

Amakhosi asilawule isigaba sokuqala somdlalo futhi ikwa ngawo adale amathuba angcono. Ukuba uAshely Du Preez ebekwazile ukusebenzisa kakuhle amathuba amabini awafumeneyo kwisigaba sokuqala. USibisi noNdah bazamile ukukhonkxa uDu Preez noKhama Billiat – kodwa abadlali abafana noDolly, uMaart noNgcobo benze umsebenzi oncomekayo kakhulu. Ukuphela kwesigaba sokuqala esilawulwe yiChiefs kunike amaqela omabini ithuba elihle lokulungisa iimpazamo nokuza namaqhinga amatsha okuphumelela umdlalo. Bekukhe kwabonakala ngathi iPirates ingafumana amandla ekuqaleni kwesigaba sesibini. Kodwa imizamo yayo ibikhawuleza imoshwe ngabadlali beChiefs abafana noNjabulo Blom no-Edmilson Dove odlale kakuhle kakhulu noZitha Macheke emva.

Bekucace mhlophe ukuba uZwathe uxelele amakhwenkwe wakhe ukuba aze angabavumeli abadlali bePirates bagcine ibhola kubo ixesha elide. Lo nto isebenzile ngoba abakwazanga ukunikela uKermit noSaleng iibhola ezintle. Iqhawe leChiefs ledabi laseSoweto namhlanje nguYusuf Maart okhabe ibhola esemhlabeni weChiefs yalantya ngaphaya kukaSiyabonga Mpontshane obekude ezipalini zakhe. Akungaqhelekanga namhlanje, iPirates khange idale amathuba acacileyo emdlalweni wonke. Ziibhola ezimbalwa kakhulu eziye zamxakekisa uPetersen emdlalweni wanamhlanje. Njengokuba imidlalo yeDStv Premiership iza kunqumama ngenxa yemidlalo yetumente yehlabathi eseQatar, omabini amaqela alungiselela ukudibana kwakhona kwiCarling Black Label Cup ekwiveki yesibini kwinyanga ezayo. Ngoku iChiefs ihleli kwindawo yesithathu kwiDStv Premiership.