Uza kubuyela ekhaya uLudumo Lamati kungekudala

ULudumo Lamati yimbethimanqindi yaseMzantsi Afrika. Umfanekiso; Facebook

Emva kwexesha elide engaphilanga, uLudumo Lamati uza kuubuyela ekhaya kungekudala. Le mbethimanqindi yelizwe loMzantsi Afrika yabalekiswa ngokukhulu ukungxama kwisibhedlele saseBelfast, eNorthern Ireland, emva kokonzaka emlweni owawusekupheleni kwenyanga kaCanzibe. OkaLamati, 31, wehlelwa lilishwa esilwa noNick Ball emlweni weWBC Silver featherweight owawubanjelwe eSSE Arena, eBelfast. Ingxelo ithi uLuduma wonzakala kumjikelo weshumi elinambini womdlalo emva kokutshintshiselana ngamanqindi noNick Ball oyimbethimaqindi yaseNgilane ngokuzalwa. Kwaye kwanyanzeleka upheliswe ngusompempe umlo owaphunyelelwa nguBall ongazange akwazi nokuyivuyela intshinga yakhe ngenxa yemeko awayekuyo uLudumo.

Ibikokokuqala uLamati ephulukana nomlo kwengamashumi amabini anesithathu ayilwileyo kwinqanaba eliphezulu lamanqindi. Inkulumbuso yeMpuma Koloni, uMnu. Lubabalo Oscar Mabuyane, yazise abalandeli bamanqindi eMonti kutshanje ukuba uLudumo uza kubuyela ekhaya kungekudala emva kokusinda engozini ebekade ekuyo. UMabuyane ukuthethe oku emva komlo kaSivenathi Nontshinga ogcine intshinga yakhe emva kokubetha uReggie Suganob emlweni obuseMonti. ‘Sifuna ukwazisa abalandeli bamanqindi ukuba uLuduma Lamati uyalulama kwaye uza kubuyela ekhaya kungekudala,’ utshilo uMabuyane. Iingxelo ezintsha ekuqaleni kweveki zithe kulindeleke uLudumo abuyele ekhayeni lakhe kule veki noxa usuku lokufika lingachazwanga.

Wahlala kakhulu kwigumbi labantu abagula kakhulu ephantsi kweliso elibukhali loogqirha ngoba wayengakwazi ukuhamba – kodwa emva kweeveki ezimbini ukusukela ngomhla wesehlo, iBoxing5 Promotions yakhupha ingxelo ethi ubhetele kwaye umama wakhe nenekazi athandana nalo bayomonga e-Ireland. Oku kwenzeka emva kokuba abantu baqokelela imali eqikelelwa kumashumi amathandathu amawaka erandi [R60 000] eyanceda kwiindleko zokuhamba kwabo. Umqeqehi owaziwayo, uCollin Nathan, wavakalisa uchulumanco emva kokuxelelwa ukuba uLamati uyalulama eBelfast. ‘Siyamthandazela yonke imihla uLamati. Siyathemba ukuba umama wakhe uza kubuya naye,’ lawo ngamazwi kaNathan ethetha namajelo eendaba.