UZakhele Lepasa uchaza okubangele akhathaze isizini isaqala kwiPSL

UZakhele Lepasa ufake amagowuli amathathu iPirates ibethe iSekhukhune emdlalweni weMTN8 obuse’Orlando Stadium. Umfanekiso: SU/Facebook

Obeliqhawe le’Orlando Pirates kwimpelaveki egqithileyo, uZakhele Lepasa, akawuvali umlomo ngenxa yomgangatho ophezulu woogxa bakhe. UZakhe, oqale isizini entsha ngendlela encumisayo, ubhale igama lakhe ezintliziyweni zabalandeli bePirates ngethuba ebuya namagowuli amathathu ancede iPirates evuthulule iSekhukhune United ngamagowuli amahlanu eqandeni emdlalweni weMTN8 obushushu e’Orlando Stadium. Emva kothelekiso olweziwe izolo, iPirates iza kudibana neStellenbosch FC kwisigaba esilandelayo seMTN8 esinemilenze emibini. Amagowuli kaLepasa ewonke mahlanu emidlalweni nje emithathu kule sizini. Ubuye evutha kwiSuperSport United – apho bekubolekiswe ngaye kwisizini egqithileyo kwakucaca ukuba izinto azihambi kakuhle kwiPirates emva kokuhlala ixesha elide engadlali ngenxa yokonzakala.

“Mandithethe inyaniso, eli lelona qela elisemgangathweni ophezulu endakhe ndadlala kulo,” utshilo uLepasa ethetha kwiSuperSport TV emva komdlalo afumene iwonga lomdlali oqaqambileyo kuwo. “Ndiquka nabanye abangekhoyo ngenxa yokonzakala. Iqela esinalo lisemgangathweni ophezulu. Ndinethamsanqa lokugqibezela yonke into eyenziwe ngabo oogxa bam. Kukho ukhuphiswano kwiPirates, nam ndiyazama ukwenza endikwaziyo ukwenza,” utshilo uLepasa, okwa yifolosi yeqela lesizwe athembele ngayo kakhulu uHugo Broos. Emva komdlalo, uLepasa uye waxela ukuba ebuyile nje kungenxa kaSihlalo wePirates, uGqirha Irvin Khoza. “Ndifuna ukubulela uThixo ngokundinika ithuba. Ndifuna ukubulela noSihlalo ngokundithemba. Nguye owathi kum ‘buya, siyakudinga’.

“Uyawazi amandla wam ngoba ndakhulela kwiPirates yabadlali abasafufuzayo endandifaka amagowuli kakhulu kuyo. Nguye obonakalise ukundithemba. Okunye okuye kwandonwabisa yindlela endamkelwe ngayo ngabadlali emva kokubuya kwam,” utshilo uLepasa. Ngomso iPirates iza kudibana neChippa United emdlalweni weDStv Premiership ekulindeleke ubeshushu eNelson Mandela Bay Stadium ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya. UJose Riveiro uza kubeka uthemba lakhe kwiifolosi ezifana noLepasa kwiinzame zakhe zokufunquka iPirates kunesizini egqithileyo. Emidlalweni emibini eyidlalileyo, iPirates ibethwe kowokuqala ngo’1-0 siStellenbosch FC phambi kokuvuthulula iRoyal Am ngemvula yamagowuli amane kwamabini kowesibini.