Uzakuthatha ikhefu eMpuma Koloni uManyonga

Ijonge ukuthatha ikhefu ekhayeni layo eMpuma Koloni intshatsheli yokutsiba kwihlabathi uLuvo Manyonga emva kwempumelelo yakhe eZurich kwi-IAAF Diamond. Ethetha neli phephandaba, uManyonga uthi ujonge ukwenza umtsi ozakubangela ukuba afikelele kumtsi ozimitha ezilithoba.

UManyonga ubethe oosaziwayo kwezokutsiba kwihlabathi eZurich ngoLwesine, emva kokuba etsibe umtsi okwimitha ezisibhozo nemivo elithoba. Evuya umqeqeshi kaManyonga uNeil Cornelius, uthi sele beqhelene nempumelelo, kodwa bafuna ukuzenzela igama nangaphezulu.

“Ubetsiba isihlandlo seshumi apha eZurich, kwezo zihlandlo zilishumi uphumelele kwezisibhozo ehamba phambili, yinto engaqhelekanga leyo lihle ikamva lakhe,” uthethe watsho uCornelius.

UManyonga uthi uzakuthatha ixesha aphumle ekhayeni lakhe ekunye nosapho lwakhe eMhlanga kumasipala waseMalahleni ukusukela kwiveki ezayo. “Sisoloko sisebenzela ukuba aphumelele uLuvo, naye uyancedisana nam kwezo nzame uyandithobela, uyazinikela kumsebenzi wakhe kangangoko.”

UManyonga uqale le mpumelelo ukusukela ngonyaka ka2015 emva kokuhlangulwa kwiziyobisi ezaphantsa zayigqiba impilo yakhe.”

Ndiza kutyelela udade wethu eMonti, ndisuke apha ndiye kuchitha ixesha losapho ekhaya eMhlanga, ndinqwenela ukubakhupha ndibabonise iindawo sikhe sonwabe sonke,” utshilo uManyonga. Lo kaManyonga wenze iqondo elitsha lokutsiba eMzantsi Afrika nakwilizwekazi lase-Afrika. “Ngoku ndijonge ukusungula iqondo elitsha lokutsiba kwihlabathi, kodwa lo nto kufuneka ndiyenze ngokuyonwabela ndingangxameli izinto,” uthethe watsho uManyonga.

Uthi usaphilile, usenamandla okwenza okuninzi ukuze akwazi ukuzalisekisa iminqweno yokuphumelela ngokuseka iqondo elitsha kwihlabathi kwezokutsiba.

Ndifuna ukwenza umbulelo ongazenzisiyo kubazali bam nakwikhaya ngokubanzi ngempumelelo endithe ndayifumana emva kokusebenza nzima,” uthethe watsho. Le ntshatsheli izinze eMbekweni eKapa nalapho ithe yadibana khona nolu hlobo lokudlala.

UManyonga uzalwa kwingingqi yaseMhlanga enembali yokuvelisa oosaziwayo kwezembaleki abafana noXolile Yawa noSam Kibi ababezimbaleki zodumo emigodini.