Uzakuyitshaya isaqhuma * -Igesund

Lothuse abantu abaninzi iqela elitsha kwiPSL, iHighlands Park, ngethuba libhengeza igqala kwibhola yoMzantsi Afrika, uGordon Igesund, njengomqeqeshi walo omtsha. Lo ka-Igesund ungene endaweni ka-Allan Freese okhonjwe emnango leli qela emva kokungaqhubi ngendlela encumisayo kwimdlalo yokuqala yePSL.

Inye into efunwa yiHighlands Park kumqeqeshi wayo omtsha: kukuqinisekisa ukuba iyahlala kwiPSL ekupheleni kwale sizini.

NgoLwesihlanu iHighlands yamkela iChippa United kumdlalo weTelkom Knockout ozakube useMakhulong Stadium ngentsimbi yesibhozo ebusuku.

-Pedro Mapelo