UZane Moosa umdlali owazibalula ngexesha lakhe

UZane Moosa ngexesha lakhe ebaleni.

Imbali yebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika ayinakuchazwa iphelele ngaphandle kokubalula igama legqala nomdlali uZane Moosa. UZane Moosa udlale ibhola ngoku kodwa kwinqanaba lalapha ekhaya eMzantsi Afrika nakwihlabathi.

Kuhle ukukhumbuza abadlali bangoku ngomsebenzi omhle owenziwe ngamagqala afana noZane Moosa.

Ngamaxesha okudlala kwakhe zazingekho izixhobo neemeko ezikhoyo ngoku, kodwa yena ekunye noogxa bakhe abazange bavume uthotywa amandla zezomeko.

Njengomdlali wasesiswini uZane Moosa ebekwenza kuvakale ubukho bakhe ebaleni nanini xa athe wanikwa ithuba lokudlala.

Ngomhla wamashumi amabini anesithathu kweyoMsintsi ngo1968, uZane walibona ilanga engazazi ukuba uyakuba ngumdlali ophume izandla kwibhola ekhatywayo kweli nakwihlabathi.

IMokone Sports imchaza uZane Moosa ithi udlale indima enkulu kumaqela weli aquka iMamelodi Sundowns, Wits University, Kaizer Chiefs nezinye.

Ukanti udlalile kumazwe aquka iSaudi Arabia, udlalile kwiAl-Ahli neAvendale Athletico kananjalo.

UZane Moosa udlale ibhola ekhatywayo kweli ngethuba ilizwe loMzantsi Afrika belizama ukubuyisela uzinzo emva kokuba beliphuma kulawulo lorhulumente wobandlululo. Imidlalo idlale indima entle ukumanyanisa abantu boMzantsi Afrika emva kokuba babecalulwe yimithetho yobandlululo.

Phakathi ko1992 ukuya ku1996, uZane Moosa udlale izihlandlo ezihlanu kwiqela laBafana Bafana nalapho athe wazibonakalisa ngamandla.

Ngobuqili bakhe ebaleni uZane Moosa ubeyinxalenye yeqela laBafana Bafana abathi baphumelela indebe yeAfrica Cup of Nations ngo1996.

Ngokuzinikela kwakhe ebaleni uMoosa wabangela ukuba abantu abatsha abaninzi bayithande imidlalo ingakumbi umdlalo webhola ekhatywayo.

Ngenxa yefuthe lakhe ebaleni uZane Moosa kukho abantu abasabizwa ngegama lakhe nangoku, oku kubonisa ukuba wayethandwa ngabalandeli bebhola ekhatywayo.