UZangqa uziqhwabela izandla iBobbies ezithathe indebe yeSuper 14

Umqeqeshi weentshatsheli ezintsha, uLwazi Zangqa, uzingomba isifuba emva komsebenzi omhle owenziwe liqela lakhe kwiveki ephelileyo. Oku kulandela emva kokuba iEL Police ibethe iKruisfontein United ngo’45-38 emdlalweni wokugqibela weSuper 14 obunzima macala omabini. AmaPolisa aseMonti ziintshatsheli zombhoxo eMpuma Koloni nangona itumente ibiqale yaphazanyiswa ngamagingxigingxi. Kodwa okuye kwakuhle kukuba zonke iingxaki zadonjululwa, imidlalo yeSuper 14 yasonjululwa kwixesha ebelimiselwe. Ngoku iEL Police lelinye lamaqela aphambili embhoxweni waseMpuma Koloni emva kokuthatha indebe yeSuper 14 ityeli lesithathu.

Emdlalweni, yiKruisfontein eqale yatsazisa igazi ngepenela – kodwa AmaPolisa abuye ngamandla ade ayoyisa ekugqibeleni. Emva komdlalo, umqeqeshi weentshatsheli uthe impumelelo ezuzwe liqela lakhe ngunozala wesicwangciso esihle nokusebenza ngokuzimisela kwabadlali neqela lonke phambi kokuqala kwetumente ekuqaleni konyaka. “Kwenzeke kanye le nto sasiyifuna kwa sekuqaleni. Ekuqaleni sathetha ngezinto esifuna zenzeke. Phakathi kwezo zinto yayikukufumana indebe yeSuper 14. Amalungiselelo wethu ebemahle futhi wonke umntu unegalelo lakhe,” utsholo uZangqa.

“Khange soyike ngoba bendilithembile iqela lam. Bendisazi ukuba abadlali baza kusinika umdlalo osemgangathweni ophezulu njengalo siwubonileyo. Isiqalo sethu khange sibe sihle, kanti nakwimizuzu yokugqibela – kodwa eyona nto esisebenzeleyo kukuba sikwazile ukulala emgceni. Size sinento enye emdlalweni: sivene ukuba singabavumeli abadlali beKruisfontein badlale umdlalo wabo wesiqhelo,” utshilo umqeqeshi weentshatsheli emva komdlalo. Nangona ukuphuma kweqela laseGauteng kuye kwanefuthe elibi kwinkqubo yeSuper 14 – kodwa eyona nto embi eyothuse bonke abalandeli bombhoxo ibe kukonzakaliswa kwabadlali bePort Elizabeth Harlequins ngabalandeli beJeffreys Bay.