Uzenzile akakhalelwa, utsho uLerato Chabangu

Lerato Chabangu of South Africa during the 2013 Africa Cup of Nations football match between South Africa and Cape Verde at the National Stadium in Johannesburg, South Africa, on January 19, 2013©Barry Aldworth/BackpagePix

Kwiminyaka edlulileyo,
uLerato Chabangu ebengomnye wabadlali abaphezulu ebholeni, kokubini kumaqela
awadlaleleyo nakwiqela lesizwe – kodwa ngoku akusenjalo. UChabangu bumvikivile
ubom, kangangokuba kuthiwa uhlala noMakhulu wakhe eLokishini. Ngeentsuku zakhe
zokudlala ibhola, uChabangu udlalele amaqela afana neSuperSport United,
iMamelodi Sundowns awaqaqamba kuyo kakhulu, aBafana Bafana, iMoroka Swallows
neChippa United agqibelise kuyo ukudlala ibhola kwinqanaba eliphezulu
kwiminyaka emibini edlulileyo. Kwiveki ephelileyo, kujikeleze umfanekiso
kaChabangu kuFacebook nakuTwitter exhwalekile futhi ethe qhiwu ibhotile
yotywala kuwo.

Ekuqaleni
kwale veki, uLerato Chabangu uncokole noRobert Marawa kwinkqubo yezemidlalo
kwiMetro FM neRadio 2000 – apho adize khona ukuhleleleka kwakhe emva kweminyaka
eliqela engumdlali ohlawulwayo ebholeni ekhatywayo. Nangona izinto
zingamhambeli kakuhle ebomini – kodwa uthi angayidlala ibhola nokuba ngunyaka
omnye okanye emibini ukuba anganikwa elinye ithuba. “Ungatsho ukuba
ndiyabaphepha abantu ngoba andisayi emabaleni apho kudlalwa khona ibhola. Ndingumntu
onomvandedwa, sendizixolisa ngokubukela umabonakude qha ngoku.  Ndibaphoxile abantu abaninzi,” utshilo
uChabangu encokola noMarawa.

UChabangu uthe
wazifaka engxakini ngokwakhe ngokudibanisa neetshomi ezingalunganga – kodwa kuyo
yonke lo nto akakhaleli mntu ngoba uzenze ngokwakhe. “Uzenzile akakhalelwa,
andikwazi ukusola abanye abantu ngento eyenziwa ndim. Ndim ozibethileyo ngokuya
kwiindawo ezingafanelekanga. Xa uhlala ezindaweni ezingacacanga, uye udibane
nezinto ezingalunganga. Ayindim ndodwa okule ngxaki – kodwa abadlali abatsha
akufanelanga bangene emgibeni endingene kuwo mna,” utshilo uChabangu. Le ndedeba
yaseTembisa ithi zange yayeka ukuyidlala ibhola kwaye ingadlala iminyaka
embalwa ukuba ingalinikwa ithuba kwakhona.